Lisiko lakudala ukuhlolwa kweentombi

UNkosi Nzululwazi Sigcau wamaMpondo ekhokele iqela leeNkosi komkhulu eMatshona eNtabankulu. Oku kusemva kokuba kuhlolwe iintombi. Umfanekiso: Salu Photography

Ukuhlolwa kweentombi lelinye lamasiko amadala kweli laseAfrika kuba kuyinxalenye yamanqanaba okukhula kwentombazana.

Kumaxesha angaphambili, oku bekusenziwa ngeenjongo zokunqanda abantwana abangamantombazana ukuba bangalali namakhwenkwe phambi kwexesha.

Oku bekusetyenziswa ukuthintela ukuzala kwabantwana abancinci phambi kwexesha lokuba bazale.

Ukulala nendoda ngexesha elifanelekileyo ibiyenye yeendlela zokunqwanqwada abantwana ukuba bakhule kakuhle ngokufanelekileyo.

Aba bantwana bebekhula bengazani nendoda de kufike ixesha elifanelekileyo, logama kwelinye icala bebefundiswa ukuhlonipha.

Oku kukhula bengazani nendoda bekusenza ukuba baqale ukudibana nendoda xa bathe batshata ngexesha elifanelekileyo.

Ngenxa yoku, bebesazana ngesondo kuphela naloo ndoda athe watsha nayo, oku bekunceda ukuhlal’ emtshatweni wakhe. Iintombi nabafana bebekhula bekhuselana, ebelazi omnye ixabiso lomnye ekhayeni nakwintlalo ngokubanzi.

Kumaxesha angoku kubaluleke kakhulu ukuba kuqinisekiswe ukuhlolwa kwabantwana abangamantombi ngenxa yeemeko zolwaphulo-mthetho nezifo.

Lisiko lakudala ukuhlolwa kweentombi. Umfanekiso: Salu Photography

Ukudlwengulwa kwabantwana abangamantombazana okuqhubeka emakhayeni nasezitalatweni kweli kunganqandeka xa kunokuqiniswa inkqubo yokuhlola.

Kaloku xa inokuqiniswa le nkqubo, abazali abatsha kunganyanzeleka ukuba bafundiswe indlela yokuhlola abantwana. Oku kungenza ukuba iziganeko zokudlwengulwa kwabo zibonwe kusekutsha.

Kaloku abanye baba bantwana badlwengulwa izihlandlo eziliqela ngabantu abahlala nabo ezindlini, oomalume, ootata kwakunye nezinye izihlobo. Abazali bangahlola abantwana ngokuthi rhoqo xa behlamba umama womntwana anyanzelise ukuhlola umntwana.

Ukuhlolwa kwabantwana abangamantombazana kunganceda ukunqanda ukunwenwa kwezifo ezosulela ngesondo eziquka ugawulayo nezinye izifo. Oku kuhlolwa kumele ukuba kuhambelane nemfundiso emayela nezifo ezihambelana nokwabelana ngesondo okungacetywanga.

Isizwe samaMpondo, amaXhosa namaZulu, zezinye kwezimbalwa ezisathe gqolo ukuhlola abantwana abangamantombazana.

UNkosi Nzululwazi Sigcau uqhuba umgubho wesizwe samaMpondo eMatshona eNtabankulu minyaka le, umcimbi wokuhlolwa kwabantwana yinxalenye yoku.

Isizwe sakwaZulu sigqiba iminyaka engashumi amane siqhuba nesiko lokuhlola amantombazana eNyokeni kwaNongama.