Ziphuma zingxamile iinkokeli eziphambili ze-Economic Freedom Fighters (EFF) zishiya lo mbutho zisiya kuzimanya nombutho woMkhonto WeSizwe Party (MK Party).
Ukushiya kukaFloyd Shivambu kushiye abaninzi ngaphakathi nangaphandle kwalo mbutho benemibuzo, oku kungenxa yokuba ebebonakala ethembekile kuMongameli wombutho uJulius Malema.
Umfundi weSolezwe uyakukhumbula ukuba sikhe sapapasha inqaku lezimvo elithi ‘Nguzwilakhe uMalema.’
Iinkokeli zemibutho yezopolitiko ngaphambili zazingena emibuthweni ngenxa yentlungu yengcinezelo, kwaye ingekho okanye kungelula ukushiya kuba kwakungekho nzuzo.
Ezopolitiko namhlanje zenza ukuba kungabikho ndoda icenga enye kuba zihamba nemali nokutyeba okukhawulezileyo.
Ukuphuma kukaNjingalwazi Mangaliso Sobukwe ngo1958 kwiANC kwabangenxa yeyantlukwano kwimigaqo-nkqubo.
Oku kuthetha ukuba ngaloo maxesha indoda ibiphuma ebuthweni ngenxa yemigaqo-nkqubo engahambisani nawo.
Kucace kakhulu ukuba uyadilika umbutho we-EFF kuba ushiywa ngamadoda ebewusungule esebenza nzima.
Ngaphandle kwamathandabuzo ubuzwilakhe bukaMalema kubangela ukuhamba kwamalungu aphezulu. UShivambu noDali Mpofu ngamadoda amakhulu ekungenakuthathwa lula ukuhamba kwawo, ziingqondi ezi ezibangele ukuba iEFF ikwazi ukufumana izihlalo epalamente.
Nangona ebenexesha elincinci kwiEFF, kodwa ukuhamba kukaBusisiwe Mkhwebane luphawu lokuba nabo basashiyekileyo bashiyeke kuba besoyika okanye benesicwangciso sokuphuma ngexesha elifanelekileyo.
Inkomfa yalo mbutho ngo2019 eNasrec eRhawutini yathatha isigqibo sokuba angaphazanyiswa uMalema kwisihlalo sokongamela iEFF.
Aba bemnkileyo ngabona bebenokunika umceli mngeni ocacileyo kuMalema ukuze kutshintshe isikhokelo. Kukho imfuneko yokutshintsha kwesikhokelo kwiEFF ngaphandle kwamathandabuzo, okanye kufuneka uMongameli omtsha. UMongameli onokukwazi ukubuyisela ubunganga be-EFF, ukuthandwa nokuhlala inika umdla kulutsha.
Ngexesha likaMalema, lo mbutho usungulwe wakhula wathi xa uqala ukuzinza ngenxa yobuzwilakhe bale ndoda waphasalaka.
Kuthiwa ingxaki yokungavisisani ngokuthatha inxaxheba kwiGNU yeyona nto ibangele ukuhamba kweenkokeli.
Ukuhla kwamanani wamalungu alo mbutho epalamente kazwelonke nako kwenzeke ngexesha lale ndoda yaseLimpopo. Ingaba inkomfa ezayo ngoDisemba iza kukwazi ukwenza utshintsho kwisikhokelo ngokuthi yonyule uMongameli omtsha?
Ukusilela koku kuthetha ngaphandle kwamathandabuzo ukuba ngenene ifikelele kwisiphelo sayo iEFF. Khanitsho keMaFighter, kwenze njani?
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika