Kusele iintsuku ezimbini kuphela phambi kokuba umbutho we-Economic Freedom Fighters (EFF) uqalise inkomfa yawo yokonyula isikhokelo esitsha.
Le nkomfa ibaluleke kakhulu kwikamva le-EFF nanjengoko kulindeleke ukuba kuthathwe izigqibo eziza kuvuselela ubunganga be-EFF.
Lo mbutho uthandiwe ngabantu ukusukela oko wasungulwa ngonyaka ka2013, ingakumbi ulutsha loMzantsi Afrika. Enye yezinto ibibangela ukuba ubenomtsalane lo mbutho yingxolo abebeyenza ebithetha ngenkululeko yezezimali, umhlaba nezinye izithembiso.
Ukuthandwa kwe-EFF lulutsha leli kubonakele ngamandla kwiiyunivesithi zeli xa umbutho wabo wabafundi uphumelela kuninzi lweeyunivesithi. Ukusukela ngomhla weshumi elinesibini ukuya kumhla weshumi elinesihlanu kuDisemba, amasebe we-EFF aphuma kuzwelonke aza kuba exoxa ngekamva lombutho wabo.
Ngenxa yenkxaso yoluntu loMzantsi Afrika, iEFF yafumana izihlalo ezingaphezu kwamashumi amane kwipalamente kazwelonke, oko kwayinika ithuba lokuba yinxalenye yemibutho ephikisayo.
Iingxaki ze-EFF ziqale ukusukela ngonyaka ka2015 ngethuba uMongameli walo mbutho uMalema egxotha amadoda aquka uAndile Mngxithama, Lucky Twala, Mpho Ramakatsa nabanye.
Ukugxothwa kwabo bangaboni ngasonye noMalema sesona sixhobo asisebenzise kakhulu kulawulo lwakhe. UMalema ugxothe ooceba abangaphezu kwekhulu ngenxa yokuba bengazange bakwazi ukuququzelela ngokukuko ukuthuthwa kwamalungu alo mbutho ukuya kwimibhiyozo yeminyaka elishumi eRhawutini.
Abantu boMzantsi Afrika bakuvakalisile ukungathandi kwabo uluvo lokuvulwa kwemida kungenwe nanjani ngabo baphuma kumazwe angaphandle koMzantsi Afrika.
Nangona kunjalo, uMalema uqhubekile ukuthethelela abantu bamazwe angaphandle kweli, ukuhla kwenani labantu abavotele iEFF ngo2024 kungathelekiswa nale meko.
Le nkomfa inegunya namandla okuba ikhangele umsebenzi owenziwe nguMalema ngexesha lokukhokela lo mbutho, ingaba ukhulile okanye kwande iingxaki.
Sisithethe kweli loMzantsi Afrika kwezopolitiko ukuba iinkokheli ezifana noMongameli zihlale isithuba seminyaka emibini. Oku kuthetha ukuba ixesha likaMalema lokukhokela iEFF liphelile, kwaye neengxaki zalo mbutho zingqinela ukuba aphume kwisikhundla sokongamela iEFF uMalema.
Lo mbutho uphelelwe sisidima sawo, indlela yokubiyisa esi sidima kukuba uMalema ashiye isikhundla sokongamela, kukhangelwe enye inkokheli eza kukhokela iEFF. Oku konke kungenziwa ngethemba lokuba inkokheli eza kungena iza kuzavuselela umdla wabantu kwiEFF kwakhona.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!