Ukusukela oko kwathi kwangena uRhulumente wentando yesininzi kulawulo lelizwe loMzantsi Afrika, zininzi iifama ezanikwa abantu abamnyama, nalapha eMpuma Koloni zikhona.
Kwizithili ezahlukeneyo zephondo abantu ababesithi bangamafama bazinikwa iifama kwakunye neenkomo, iibhokhwe nezixhobo zokusebenza.
Inyaniso yeyokuba akakho umfama wenene onokuyeka ifama iwe iphele ngenxa yokuba esithi ulinde uncedo kuRhulumente. Umfama wenene usebenza ngezinto ezikhoyo ukuze kubekho ezi azifunayo ukuze akhulise umsebenzi wakhe. Phantsi kolawulo lukaNelson Mandela baninzi abantu abanikwe ifama kweli leMpuma Koloni.
Okothusayo kukuba azivakali izingqi zalo mafama kwinkqubo zokuveliswa kokutya ngokufuya okanye ukulima. Inene umbuzo umi ngelithi ngobani ke aba banikwa ezifama?
Ukuba kwenziwa impazamo ngo1998 kwanikwa umntu ifama kuba esithi ngomlomo ungumfama, akwaba azinakuphindwa ezo mpazamo kuba baninzi abantu abafuna umhlaba wokusebenza.
Kuphando lethu sifumanise ukuba kwisithili ngasinye kweli leMpuma Koloni kukho amafama anikwe iifama zisebenza, kodwa emva koko zayeka ukusebenza.
Phakathi kweengxaki ezixelwa ngalamafama kukuba awazange anikwe ncedo nguRhulumente. Ifama ingumhlaba, umhlaba iluncedo oluvela kuRhulumente iyodwa. Ngoko ke bubuvila ukuba kubekho abantu abakhala ngokunganikwa zixhobo okanye imali nguRhulumente ifama yona eyinikiwe. Nokuba lulwazi okanye izakho oludingwa ngumfama, umfama angazithathela inyawo naye akhangele olwalwazi alufunayo.
Kwingingqi yaseBuffalo City yimali engaphezu kwamashumi amathathu ezigidi eyasetyenziswa ukuthengela amafama iifama zokuba asebenze, zonke ezofama zilele.
Ngo2016 kunikwe umfama omnyama ifama exabisa izigidi ezisibhozo zeerandi, wanikwa neenkomo ezingamashumi amahlanu zobisi, yaphela lo fama.
Kwingingqi yaseQumrha zininzi iifama ezithengelwe amafama amnyama, ezofama zonke azisebenzi zilele. Asinakuvuma ukuba kuhlale kutyholwa uRhulumente ngenxa yabantu abathi bangamafama bengengawo, koko besenzela indawo yokugugela.
Into esinokumsola ngayo uRhulumente inye kuphela, kukungenzi uphando oluchanekileyo ngaba bantu phambi kokuba banikwe ifama.
Ukungakwazi kuvala ukuba iifama zinikwe ootshomi, izihlobo nezithandwa zamagosa kaRhulumente, asinakuyeka ukumgxeka ngenxa yoko uRhulumente.
Kodwa masihlukane nokuthethelela ubuvila ngelithi kulindwe uRhulumente, masihlukane nokuthi singamafama singengawo amafama.
Indlela nenkqubo elandelwayo xa kunikwa amafama ezindawo mayitshintshwe. Makuyiwe kwindawo ahlala kuyo umntu, kukhangelwe ukuba ngenene unazo na iimpawu zomfama.
Makuthethwe nabantu ahlala nabo babuzwe imibuzo ethile malunga noku. Ukuba ayinakutshintsha le meko bayakuhlala bekhala yonke imihla abo badinga iifama ngokwenene.
Masihlukane nokwenza ifama into yokuzuza iwonga ekuhlaleni, okanye indawo yokugugela. Ifama yindawo yokuvelisa ukutya, uthengise ukhule kwishishini elo ulenzayo.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike