Sikokele Silili, Sikokele!

Lo nyaka usemtsha kangaka siwungena sinethemba lokuba noko izinto zizakuba ngcono kukuhlala kwethu. Sithe sisawubuka seva ukuba ixabiso lamafutha okuntumeka naweenqwelo liyehla. Sathi sisathe manga yileyo sabona amaziko emfundo ephakamileyo evuma ukugoba uphondo kwikhwelo lemfundo esimahla noxa bengekayiqondi nje ukuba uhamba njani lo mcimbi. Andiyazi nokuba ndim na, kodwa isuke yangathi kokokuqala kuleminyaka isithoba igqithileyo ukuba sibenethemba elingaka sisisizwe siphela.

Le yokuhla kwexabiso lamafutha siyayazi ukuba yenzeke ngenxa yokunyuka kwamandla eRandi, Randi leyo ethe yafumana ukumelela ngokuthi konyulwe u-Cyril Ramaphosa nje ngomongameli we-ANC. Nithetha ukuba nemali le yethu ibisele idikiwe ngumongameli uJacob Zuma? Sendizicingela ke ngoku ukuba emva kunyulo lukazwelonke ngo2019 iRandi lingasemandleni ngakumbi? Ukuba leRandi ibibuthathaka ngenxa yokuba imarike zehlabathi zingakholwa ncam lulawulo lukaJacob Zuma, makakhawuleze afike unyaka wokuyeka kwakhe ukongamela khona ukuze kuzokwehla amaxabiso ezinto ngakumbi nangakumbi.

Ingathi noko nabafundi ebebefunda umatriki ku2017 balinyusile inani lapasileyo. Ewe, intle yona lento, kodwa iphinde ibengumceli mngeni kurhulumente kunye namasebe akhe ezemfundo ephakamileyo. Xa lisanda inani labaphumeleli ithi lonto liyenyuka nalo inani labafuna ukungena kumaziko emfundo ephakamileyo. Ndiyafuna ukuthi noko ibizameka ke lemeko, kodwa ngoku emva kwesasibhengezo sikamongameli semfundo yamahala kuzakuqhuma uthuli ngalo-January kumaziko emfundo ephakamileyo. Kaloku lamaziko okokuqala athi akukhange kubhungiswe nawo phambi kokuba kwenziwe esisibhengezo, ithi lonto abazilungiselelanga ukumelana neziphumo zaso. Okunye bendikhe ndava ukuba kwamphathiswa lowo wezimali zelilizwe akanazicwangciso zokuba lemali yokufundisa abantwana besisizwe izakuvela phi. Uyayibona ke ngoku ingxaki ejamelene nathi?

Andifuni ukuba ngathi ndivimba ngemfundo, kodwa mna ndithi noko masikhe simlinde urhulumente enze imithetho nemigaqo ezakuncedisana nalemfundo yamahala. Ngoluhlobo izinto zenzeka ngalo ngoku zizakubaninzi iimpazamo, mpazamo ezo zizakuba zichitha ngexesha nangekamva labafundi besisizwe. Akungebi kuhle ukuba urhulumente simnike nokuba ngulonyaka ka2018 ukuze ahlenga hlengise imicimbi kucace icala? Size ke ngo2019 siqale sisazi sonke ukuba imfundo yethu imahala? Buninzi ubutyobo obusele busenzeka ngoku ngokuba amanye amaziko emfundo ephezulu sele ebhengezile ukuba bona kulonyaka bayawanyusa amaxabiso awo okubhalisa nokufunda.

Kuyo yonke le miceli-mngeni isingqongileyo likhona noko ihlumelo lethemba, umlumiso osenza sizingise ekuzameleni impumelelo yethu. Makasikokele uSilili, mawakhule amandla eRandi, maliqhubekeke lihle ixabiso lamafutha, khona ukuze utya nezinye izinto esizidingayo zizokufikeleleka kuluntu lonke.
 
Masingene ke ku2018 sijolise imibombo yethu kwizinto ezintle ezingavela njengokuba kunuka utshintsho kwezopolitiko zalapha ekhaya.