Soze sinyamezele ubuhlanga!

Ndibubhididakala
mna ndedwa, yazi lonyaka akakagqibi nenyanga kodwa izishiqi ezingaka esele
sijamelene nazo usuke ungayazi nokuba kubethwa abaphi na. Andiyazi nokuba
usakhumbula kanye kanye ngalamaxesha kwiminyaka emibini egqithileyo sixakene
nomfazi womlungu ebiza abantu abamnyama ababeye elwandle e-Durban nje ngeenkawu
kwicwecwe lika-Facebook wakhe, zaze iinkundla zamatyala zamwisela isigwebo
somdliwo we-R150 000.

Ndiyabona wena
ukuba legenge imweke ayikholwa kukufunda kwimpazamo zomnye komnye, ikholwa
kukuzitshonela ngokwayo ngqilikithi emhluzini ukuze iwuve ukuba uyatshisa
kusini na. Phambi kwelibholo sijongene nalo ngoku mna bendingayazi nokuba kukho
ivenkile yempahla ekuthiwa nguH&M, ndiyafuna ukuthi ayindim ndedwa ngokuba
noko ayinasebe levenkile apha eMpuma Koloni. Ingenasebe injalo kweliloobawo
bethu isuke yangundaba mlonyeni ngenxa yentengiso yayo eshiye isizwe sonke
esimnyama kumhlaba wonke silugcwabevu ngumsindo.

Lentengiso
yalevenkile icaphukise imidaka emnyama iveza umntwana ontsundu enxibe impahla
yangaphezulu yapha ebhalwe, ‘eyona nkawu ipholileyo ehlathini’ ngesiNgesi. Ndiyabona
ukuba kuthi apha eMzantsi Afrika ivuselele lamanxeba ka Penny Sparrow
namahlakani akhe abekho phambi kwakhe. Wonke umzi omnyama ungenelele kwikhwelo
lokuba H&M le mayikwaywe zingathengwa iimpahla zabo de kucace ukuba yintoni
eyona njongo yabo.

Xa sele sisiva
ke nge-Ahmed Kathrada Foundation ukuba ngonyaka ka-2015 ngokuya levenkile
yayivula amasebe apha eMzantsi Afrika kwakhe kwakho isimbonono sokuba kutheni
bengasebenzisi onobuhle abamnyama ukubonisa ngempahla yabo nje. Kuthiwa
impendulo yabo yabonakalisa ukuba levenkile ayinankathalo ngendlela ephatha
ngayo isidima somntu omnyama. Kuthiwa basuka bathi basebenzisa onobuhle
abamhlophe ukubonisa ngempahla yabo ngokuba bafuna ukubonwa njengevenkile
echubekileyo nenomfanekiso omhle ezizweni. Pewu, caba thina bantsundu
asingomfanekiso mhle ekuthengiseni iimpahla zabo.

Besisafutha
ngumsindo sathi sisajongile kwavutha umlilo xa iqela lezopolitiko i-EFF lithe
lathathela umthetho ezandleni zalo. Sibone ezindabeni nakumaqonga
ezonxibelelwano lomqokozo ubomvu ungena uzenzela kwiivenkile zikaH&M
kwelaphondo lase-Gauteng. Noxa ndingabukhuthazi ubundlobongela nobundlongondlongo
kodwa mandiwancome lamaqabane e-EFF ngokungabi nanye into ebikwezavenkile,
lonto iveza lubala ukuba bebengayelanga busela nabuqhophololo kodwa bebesiya
beyokuvakalisa babonakalise ukuba isizwe esintsundu eMzantsi Afrika asisoze
sithule sithi cwaka sibe sidelelelwa ngokungenalusini.

Kuthe emva
kwala manyathelo athathwe yi-EFF, ekukhuseleni isidima simntu ontsundu,
le venkile sayibona ivala iingcango zamasebe ayo aKwaZulu-Natal. Sele i-EFF
isenza ngolu hlobo ebephi umthetho waseMzantsi Afrika ekuhlwayeni le venkile
ingenankathalo ngesidima somntu ontsundu? Ingaba umthetho wethu awokulungelanga
ukohlwaya abantu neekhampani ezingenankathalo ngobuhlanga, neziziphethe mnxim
naxa zibuzwa? Ndinayo indawo ethi kumanye amazwe alapha e-Afrika levenkile
uH&M ngeyinikwe isigwebo somdliwo esiqatha okanye nokuba nguphumaphele.

Ingathi iingcali
neengcaphephe zomthetho zelilizwe kufuneka ziwuqaphele umthetho ophathelene
nezenzo ezigwenxa zobuhlanga. Noko masingadeleleki sesiyilwele kangaka
inkululeko yethu kula madlagusha amweke.