Simphiwe Nolutshungu
Ukufelwa ngumntu wakho osenyongweni akuyonto inambithekayo konke konke, nokudlulisa umphanga lowo kukonke kuyasinda kwaye kuyadinisa, kodwa ke ndinento endiyiqaphelayo ukuba umdla wabantu umkhulu okwentaba ukufuna ukwazi isizathu sokufa kwakhe okanye ke isigulo sakhe xa ebegula.
Abantu abaninzi basoloko bephunguzela nokufuna ukwazi esona sigulo siye samosela ke lowo ungasekhoyo, ndicinga ke oku inokuba kwenziwa yingqimba yezigulo ezisingqongileyo kobu bomu sibuphilayo. Kwezi ntsuku okanye ke kukungxamela ukuva isifo somntu aze lowo uvileyo ahambe ke echopha ngaso kwiindawo ahamba kuzo. Andiyazi ke obona bunyani koku, kodwa into endiyaziyo kukuba le yinto ekhoyo kwaye iyaphila.
Igama lesigulo bafuna siqaqambe phambili de sikhanye ngaphezu kwegama lalowo ungasekhoyo okanye ke lowo uphungwe kukufa.
Ukanti ke abanye abantu bathi bakuva ngokungaphili komntu bathi ngqi ukuya kumandlalo wakhe, hayi nganjongo yakunceda, koko bayakusezela nokufuna ukwazi ukuba kanye ubani lowo ugula yintoni, kwenzele bakwazi ukuhamba beyisasaza ekuhlaleni nasezimbanjeni zelali gabalala.
Nasemingcwabeni yethu ke ngokunjalo iba seso, umdla ukhula ngamandla xa kufikwa kule ndawo yesithethi sokonga okanye neso sakuthi sithethe ngonobangela wokufa kwalowo iyinkonzo yakhe yomngcwabo. Kuye kuthi cwaka zole tu ungava nentshukumo yempukane eludongeni okanye nokuwa kwenaliti phantsi isiya koyama emgangathweni.
Eli ke livumba lexesha esele siphila kulo kunye nezingqi zobuntu obumbatshayo, nokukhula kokuhlebana ngaphezu kokukhathalelana, nokuqumana apho ubani ahamba ze khona.
Kunzima ukuphila kuba inkungu ijijisana nokukhanya kwelanga.
Isigulo ke somntu ngamnye sigushe ingcwaba elizolileyo ke, ubani kungenzeka maxa wambi asinde koko okanye ke kunokwenzeka ukuba isigulo eso simosele umnikazi waso, kube ke njalo kuthi kanti kukulobotha kwakhe ukuya engcwabeni. Ukuba besinokhe sibuye umva ngemiphefumlo yethu nangeentliziyo zethu, sifudukele eMbo kude phaya, apho ubani wayebuza iingxaki zomnye ngenjongo yokumphathisa ukwenzela noko inyanda le imsindayo ibe nokuphunguleka ke noko, hayi le ndlela ngoku izinto zirhubuluza ngayo kuba zibanga okanye zakha ilifukazi lokoyikisa omnye ngomnye.
Singafunda lukhulu kwela xesha, intlungu yomnye umntu wawuyinxiba kwaye ikulingane okanye ninxibisane ngayo.
Ndimthanda kakhulu ke lo tata owazibeka wasisithethi sokugula emngcwabeni wenkosikazi yakhe.
Hayi ke bethu wenjenjeya ukuthi ukuya kuthatha iqonga ke elo. Kwathula kwathi cwaka ukuzola oku, njengesiqhelo ke kwimingcwabo yethu xa kugaleleke lo wona umzuzu.
Efinge iintshiya, ekwabonakala kananjalo ukuba ukrunekile emphefumlweni kukushiywa kwakhe sisithandwa sakhe nomama wabantwana bakhe, kodwa ke ikho nendawana eyambathe uncumo kuye ebusweni, nethenjana elalikrobe kuye emehlweni.
Emveni ke ebulisile phakathi koko kuzola kwakubaxekile ikukungxola nje kokuthi cwaka okwakuvakala, waqhuba wenjenje: “ ….umntu ke xa egula ke bethuna ubaneentsuku apho agula kakhulu de nani nothuke, ewe ke kubakho iintsuku bambone ukuba noko uyathembisa ngathi angaphila, kube njalo ke nalapha kunkosikazi de ke ukufa kwamoyisa….”
Kwathi cwaka apho ke eHolweni, kuzokuthi ke nje emizuzwini kwavakala sisi uthile owayehleli ngaphambili wavakala esithi: “Suka! Bayamfihla kodwa ke thina siyamazi ukuba ebenantoni.”
Asazi ke wena mfundi ukuba xa sikhapha abantu bethu, ingaba kubaluleke kangakanani na ukwazi ukuba babulewe sifo sini na?
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10