UHLALUTYO: CHUU NGCEMBE NGEMIBONGO

UMadoda Ndlakuse.

Ngokubhalwe ngu: Madoda Ndlakuse

Kukho uvuko oluqhubekayo eluncwadini lwesiXhosa. Ukuba uyabuza ukuba yintoni kanye-kanye ephemba olu vuko andingekhe ndikuxelele. Into nje endingayitsho yeyokuba uMadoda Ndlakuse yenye yeengqwangangqwili ezitshatsheleyo kolu vuko. Le mbongi ineliso elibanzi, ngakumbi kwimiba enxulumene noluncwadi lwesiXhosa. Kulo mqulu kukho imibongo emithathu ejolise koomakhwekhwetha boluncwadi lwakowethu. Manditsho ndiyikhankanya:

1. OKAJADEZWENI – IGQALA LIKAGQIRHALWAZI

2. NANKU UMPONDO ZITYURIWE

3. OKAMAVIMBELA

Lo wokuqala ujolise kongasekhoyo uNjing. Mhlobo Jadezweni. Owesibini ubhekisa kuMnu. Mbulelo Ngewu osandul’ ukuthabatha umhlalaphantsi elusasazweni lukanomathotholo kuMhlobo Wenene FM. Owesithathu ujolise kwityendye laseSajonisi uMnu. Mavimbela. Lo kaMavimbela sele ezibalule njengombhali, umhleli, nomphandi wenkcubeko. Ezi ngqondi zithe zisenza umqela eluncwadini zabe zakhelwe umkhanya yimbongi. Ndinga ndingayiphonononga le mibongo ukuze siqongqothe umongo.

Lowo uthe waba nenyhweba yokufunda umbongo osihloko sithi ‘OKAJADEZWENI – IGQALA LIKAGQIRHALWAZI’, zininzi izifundo aza kuzicholachola malunga nongasekhoyo uNjing. Jadezweni. Apha imbongi imtyibele ngobuchule uNjingalwazi isakha umfanekisongqondweni ogqamileyo. Imbongi ithi ingena nje ibe iqala ngemvanozandi yandule ukwenza ubabazo, phofu ibe idlala ngamagama. Yive xa isithi:

“Zange idutywe iDutywa ngokuzalwa kwakhe.

Ngumhlobo wazo zonk’ iziqhamo zasemyezweni.”

Imbongi xa ibabaza ububele bukaNjingalwazi ithi, “Ngumhlobo …” abe ke phofu ekwanguMhlobo nanjengoko sele nditshilo ngentla ukuba igama lenkobe likaNjing. Jadezweni nguMhlobo. Ayiphelelanga apho imbongi, yiva xa inonga umbongo wayo ngemvanosiphelo:

“Ngumhlobo wazo zonk’ iziqhamo zasemyezweni.

Ebengekhe angakonyuli uqengqelek’ emtyibilizini.

Wonke umntwana ebengowakhe sele engowasemzini.

Ngutat’ obelulutho kubantwana bonke abangabakhe.

Ngumhlohl’ obezingca ezidla eqinisekile ngesiXhosa sakhe.”

Olu caphulo lungentla lunemigca emihlanu, kulowa wokuqala imbongi ibabaza ububele bukaNjingalwazi iqala ngesibizo esithi “Ngumhlobo …” Kumgca wokugqibela xa iphuma kubabazo lobubele ingena ekuzingceni kukaNjingalwazi ngolwimi lwakhe, ingena ngesibizo esithi “Ngumhlohli …” UNjingalwazi uthi engumhlobo abe engumhlohli. Bubuchule bokunonga umbongo nokuyondelelanisa amagama obu. Nantso imbongi iqhuba isithi:

“Soze akuxheshe abe ekuxhaya,

Ezichithel’ ixesha elixhatshwe ngamaxhala.

Soze abuyis’ isixhiba sele umxhamlile,

Ebeth’ akukubona akuxhumele ngokukuxhawula.

Ingxaki okomxoxozi ebeyixabangela,

Ixineke ixholeke ixoleke kutsho kuthi xibilili.”

Obu bubuncwane obumangalisayo bemvanozandi, ngakumbi la mgca wokugqibela. Kuya kuthi “xibilili” kuye namphi na umfundi akuba efunde olu ncuthu.

Kwisitanza sesibini imbongi ingena sele igadlela oku kwembongi yomthonyama. Yive xa isenjenje:

“Ligqala likaGqirhalwazi ebelibuthiyile,

Kambe ubuqhophololo nobugqubusha.

Ligqala likaGqirhalwazi obengelilo tu irhumsha.

Ebengowona mzekelo kulutsha.

Ligqala likaGqirhalwazi ebelingakhokhelisi,

Phambili iqhosha elingenantunja.

Ligqala likaGqirhalwazi ebelingekhe,

Likhankanywe kuqhusarha.

Ligqala likaGqirhalwazi ebelihlala,

Kwiibhodi zoqulunqo-nkqubo nemigaqo,

Eqaphela ukuqulungana kwesiXhosa,

Nezixhobo zokusifundisa.”

Imbongi yenze uphindaphindo oluvamileyo kwizibongo zomthonyama yatsho yaba nemvanosiqalo. Ibinzana elithi, “Ligqala likaGqirhalwazi,” ilisebenzisile imbongi ukuze iqaqambise amava kaNjingalwazi. Imbongi isebenzisa nesikweko xa ithetha ngemali. Kha uve xa isithi:

“Ligqala likaGqirhalwazi ebelingakhokelisi,

Phambili iqhosha elingenantunja.”

Abantu abamaziyo uNjingalwazi baya kukhumbula ukuba isiXhosa sikhe samweza ulwandle samsa ngaphaya eJamani. Imbongi iyikwekwa kamnandi loo nquleqhu xa isithi:

“Kodwa ebeyibhuqa ayifumane incasa,

Nebhotolo eqatywe nazizandla zaphesheya.”

Izafobe zidlala abantwana kwisitanza sesithathu. Imbongi ingena ngesikweko nesaci zitsho zenze imvanozandi. Kha uve:

“Ligqala likaGqirhalwazi obezijula nejacu,

Ukulwa ubumpula kaLujaca ngolwazi ekuhlaleni.”

Ukuzijula ijacu nokulwa ubumpula kaLujaca! Bekunga uNjingalwazi angavuka awufunde ngokwakhe lo mbongo. Ngokwendlela imbongi emchaze ngayo awungekhe uyiphikise uthi ibingamazi uNjingalwazi. Zizibongo eziya kuhlala zihleli engqondweni ezi.

Kumbongo oncomayo osihloko sithi ‘NANKU UMPONDO ZITYURIWE’, imbongi ibhekisa kumsasazi ophume izandla uMnu. Mbulelo Ngewu. Isihloko kwangokwaso sisaci esincomayo. Ungekawazi nomxholo wombongo, esi saci sikunika umqondiso wokuba kukho umntu oza kubongwa ngezincomo. Kulo mbongo imbongi ibabaza ubukrelekrele, ububele, nenxaxheba kaMnu. Ngewu kuluncwadi lwesiXhosa njengomsasazi. Imbongi ithi iqala nje ibe iphosa le mvanosiphelo isithi:

“Nanku owethu umpondo zihlanjiwe.

Yizan’ ithala leencwadi livuliwe.”

Akukho mntu wasePhondweni leMpuma Kapa osele eqabukile onokuthi akamazi uMnu. Ngewu obefudula efunda iincwadi ngokuhlwa kuMhlobo Wenene FM. Kungoko ke ndingothukanga nto xa imbongi isithi lo kaNgewu “lithala leencwadi.” Eso sikweko sifike safaneleka ncam kuye. Yiva ke imbongi xa iqhuba nesikweko kwimvanosiphelo isithi:

“Sondelani nikramncele nonele.

Sanukuwucima lo mlilo velani nibasele.”

Nanjengoko sele nditshilo ukuba uMnu. Ngewu udl’ umhlalaphantsi, kodwa loo nto ayithi lo “mlilo” masiwuyeke ucime, koko imbongi ithi masiwondele lo “mlilo” sikhwezele ungacimi. Ngubani na lo “mlilo” ngaphandle koMnu. Ngewu ubuqu? Kambe le mbongi izikhetha ngobuchule izikweko. Umlilo lulutho eluntwini ngokuba xa ulambile upheka ngawo; xa usebumnyameni ukhanyisa ngawo; xa ugodola wotha wona njl.njl. Loo nto ke ithi uMnu. Ngewu xa engumlilo ululutho loluntu. Nantso imbongi isinabisela ngodumo lukaMnu. Ngewu xa isithi:

“OkaNgewu akasiso isisele senyathi.

Iinyathi zonke eziphambili kudala zimazi.”

Kangangendlela emininzi ngayo iminyaka ayigqibileyo efunda iincwadi, ubani akangekhe othuke xa esiva ukuba iingcungela zoluncwadi lwesiXhosa ziyamazi lo mnumzana. Imbongi iyaqhuba ibabaza ububele nenyameko yalo msasazi xa isithi:

“Ukuncoma okusuk’ entliziyweni.

Ukungasongi izandla xa kusonakala.

Ububele obungaphaya kokuqonda.”

Kuthe kanti asililo ilizwi kuphela eyona nto azibalule ngayo umsasazi, koko akakho ngxathu nangenkangeleko ngokuba nantsi imbongi imkwekwa ngentyatyambo:

“Intyatyambo ethe ncothu negqamileyo.”

Kangangendlela enambitheka ngayo imvanozandi nemvanosiphelo yale mbongi mna ndithi ayisebubo ubugcisa koko bubugqi. Nantso kwisitanza sesithathu isenza edume ngazo:

“Iqhawe neqhaji lokuxhos’ isiXhosa.

Ngamxhelomnye uxhas’ umdla wababhali.

Uchith’ ixesha esixakathela,

Ilekese yokuthob’ amaxhala.

Ngaye sizigobh’ amacala.

Zange waqalis’ ukukhukhumala.”

Isihobe luncuthu olonwabisayo, kungoko ndiye ndazibhaqa ndincuma-ncumeza ndedwa xa ndisiva olu baxo lwembongi:

“Incwadi angayifunda sele ekobude ubuthongo erhona.

Ngumsasazi otshatshele ngokungenambaliso.”

Ngethamsanqa usekhona uMnu. Ngewu kweli gada likaQamata. Ndiqinisekile ukuba naye uya kuwonwabela lo mbongo akuba ewufundile. Ingaba ngenene angafunda ekobude ubuthongo erhona? Useza kusixelela!

Komnye umbongo oncomayo osihloko sithi, ‘OKAMAVIMBELA’, imbongi ityatyadula ityibela ityendye lasemaMpondweni. Igama nguMzoli Mavimbela. Uphopho lo wenze umqela eluncwadini njengombhali, umhleli, nomphandi wenkcubeko yomz’ ontsundu. Imbongi ibabaza ubukrelekrele, ukuzinikela nenxaxheba ngokubanzi kaMnu. Mavimbela kuluncwadi lwesiXhosa. Imbongi ithi iqala nje ibe iphosa imibuzobuciko:

“Baphi na ootitshala bahlohlwe nguye?

Baphi abanye abahleli bahlolwe nguye?”

Le mibuzobuciko iqaqambisa ubukrelekrele bukaMnu. Mavimbela. Akukho bani ungahlohla ootitshala ahlole nabahleli kanti ingqondo yakhe ayikho bukhali njengekrele. Kwakule migca mibini sifumana imvanosiqalo, imvanosiphelo, kwakunye nemvanozandi ngokuba imbongi ithi “ootitshala bahlohlwe … abahleli bahlolwe …” Kambe ke imisebenzi kaMnu. Mavimbela imphathele udumo watsho waba sisinxibamxhaka soluncwadi kangangokuba ufanele ukuswayelwa endleleni nangabahlonipheki. Kungoko ke imbongi isithi:

“Sudukani mapalamente angene naye.”

Kwisitanza sesibini imbongi isebenzisa isaci nomqondiso xa ityibela lo kaMavimvela isithi:

“Sisisele senyathi esikudidi looJolobe.”

Wena mntu ungumthandi wesihobe noluncwadi lwakowethu gabalala, uya kuyazi into yokuba uJolobe lo ngumqondiso wobukrelekrele nobuciko bokuchonga amagama. Umbhali akungekhe kuthiwe ukudidi lwakhe kanti usathungulula. Ababhali abakudidi lwakwe ngamakhwenkw’ amakhulu asele edadela enzulwini. Loo nto ke ithetha lukhulu ngoMnu. Mavimbela xa ekoluya udidi. Yiva ke wena xa imbongi ibabaza ubugcisa bukaMnu. Mavimbela ngobaxo. Phofu ingaba bubugcisa okanye bubugqi xa imbongi iyibeka ngolu hlobo:

“Esakubhala kuthamba iintliziyo.

Kuxhumaxhume phandle iintyatyambo.

Ingqiqo ibe nezifotho nezinxonxo.

Kudloba kudlobe nelanga.

Inyanga iqhwabe ithi;”

Umbengo omde uyawucima umlilo, mlesi. Kodwa andiyi kusithela ndingakhange ndiyikhankanye indlela otyetyiswe ngayo lo mqulu ngesihobe esikumgangatho oxhomileyo. Ndikhankanye imibongo yaba mithathu kuphela kodwa nayo ndiyikhankanye ngenjongo. Ndithe ndakuyifunda ndachukumiseka ngokuba ndifunde into yokuba sisonke kule nquleqhu yokuphakamisa ulwimi lwesiXhosa; nokuba ungumbhali, uyimbongi, ungumsasazi, ungumhlalutyi, ungumhlohli, ungumhleli, ungumlingisi, ungunobalisa njl.njl. Ndilothulela umnqwazi eli Zizi. Mazize ezinye iincwadi ziqukuqelana njengamanzi engxangxasini.

Umhlalutyi nguLihle Sokapase wakwaNgqa Phambili Publishing. Ukwanguye nomhleli kwaSoluncwadi (www.soluncwadi.co.za).