Uhlalutyo: Zona Iinzingo Zobomi Zindomelezile

Tholakele Hohwana

UTholakele Hohwana, 20, yimbongi eligorha kuba akazibandezi xa efuna ukubhala ngobomi bakhe. Inkoliso yemibongo efumaneka kulo mqulu ijolise ngqo ebomini bembongi. Kambe ke zininzi izifundo eziya kucholwacholwa ngabo bathe bazipha ixesha bafunda ngomonde nenyameko, ngokuba kuninzi ubani anokuthi akuzuze ngokufunda ngobomi bomnye umntu. Le mibongo ihambelana ncakasana nesihloko salo mqulu. Mandikhankanye ibe mihlanu kuphela ebalisa ngobomi bale mbongi:

1. BEKUNYANZELEKILE NA?

2. NDIKRAZUKILE EMPHEFUMLWENI!

3. NTLIZIYO YAM ILIHLWILI

4. UBOMI BAM

5. BENDICING’ UKUBA NDIYAZONWABISA KANTI

BENDIZIBHANXA

Asikuko nokuba le mbongi lichule lokubalisa nje kuphela, koko indlela ebalisa ngayo iyanambitheka ngokuba akukho zithako zesihobe ingazisebenzisiyo. Kha uve nje le mvanosiphelo:

“Iinyembezi zosuliwe,

Imithwalo yothuliwe.

Le ntw’ ikukukhanya ifikile!”

Le migca ingentla icatshulwe kumbongo osihloko sithi,

‘UKUKHANYA KUFIKILE!’. Enye into eza kuqwalaselwa ngulowo ulesayo kukuba inzulu kakhulu le mbongi. Iimvakalelo zayo izikhuphela njengokuba zinjalo ephepheni, ngaloo ndlela zitsho zichukumise lowo ufundayo.

Kumbongo osihloko sithi, ‘NDIKRAZUKILE EMPHEFUMLWENI!’ siyayiva intlungu yembongi xa isithi:

“Ndichubekile ziyachaphaza iinyembezi emehlweni.

Ndibulalekile ngokwenyama nangokomoya.

Hayi ubunzima ndibuvile.

Inene ndikrazukile emphefumlweni!”

Ubuchule bembongi bokusebenzisa amagama ngobugcisa obukhethekileyo buvakala ngaphandle kwamathandabuzo kumbongo osihloko sithi, ‘SIBA LWAM, UBUBOMI BAM!’. Kulo mbongo siva imbongi ibongoza usiba lwayo isithi maluyihlangule. Imbongi isebenzise isimntwiso, nto leyo iza kwenza umfundi atsho abunakane ubudlelwane obuphakathi kwembongi nosiba lwayo. Abafundi baya kuthi bakuba befunde lo mbongo bavakalelwe ngokuba imbongi ifuna ukuhlangulwa lusiba lwayo kwiinzingo zobomi. Nantso isithi:

“Lo mhlaba ndikuwo uyahlaba,

Amatye amakhulu ayixinile le ndlela,

Ewe, bona ubomi abunakuphela.

Siba lwam ndikhanyisele undibonise indlela.

Hleze ithi kanti sidalelwene mna nawe.

Siba lwam ububomi bam!

Siba lwam ndihlangule ndindodwa!”

Kumbongo osihloko sithi, ‘NKOSI SIKELELA I-AFRIKA!’, imbongi iyasingxengxezela eNkosini. Iqala ibhekise kubhubhane weKhovidi-19 oxake ilizwe lonke kodwa ikhankanye nombandela ekusele kukudala lukhala ngawo ulutsha lweli lizwe — intswela-ngqesho. Yiva imbongi xa isithi:

“Lo mhlaba asingowethu kub’ uhleli nje abantu bayafika,

Hayi yona inqanawa esikuyo iyazika.

Namhlanje silulutsha siyakhala.

Bathi befundile kube nzima baphele behlala,

Yona nayo inendima eyidlalayo indlala.”

Noxa imbongi iwukhankanya umba wentswelangqesho, kuyavakala ukuba ayililahlanga ithemba, kuba kakade “akulahlwa mbeleko ngakufelwa,” nanjengoko isitsho njalo komnye umbongo wayo osihloko sithi, ‘NTLIZIYO YAM ILIHLWILI’. Ayililahlanga ithemba ngokuba iyayizukisa imfundo kumbongo osihloko sithi, ‘IMFUNDO’. Kakade ke ukuncama imfundo ayisiso isisombululo sentswelangqesho, koko kumele sifunde nangakumbi ukuze siphuhlise iingqiqo zethu sitsho sifumane esona sisombululo sisiso. Imbongi le ngcamango iyibeka ngobuchule xa ityatyadula isenjenje:

“Ayixabisekanga nje imfundo ibalulekile.

Ewe yona ayimnandanga kwaye,

Ayilulanga kodwa inyanzelekile.

Kungoko ke ndisithi ngaphandle,

Kwemfundo ungudunkanka.

Masinyamezeleni bantu bakuthi,

Siyikhuphe ngeempumlo.

Masizinikeleni kuyo ukuze,

Sibe nekamva eliqhakrazileyo,

Masiyosuleleni kwabakhulayo,

Ukuze nabo ikamva labo liqaqambe!”

Kambe ke kuyacaca ukuba imbongi le lithandazwe yaye izibazile iindlebe namehlo ngokuphathelele kwimiba edla isizwe, ngokuba ayiphelelanga nje kumba wentswelangqesho. Koko iyaqhuba siyive intetho yayo iyijolisa komnye umbandela ozimisele ukuhlazisa eli lizwe – ukubulawa kwamanina ebulawa ngamaqabane ancuma nawo.

Kumbongo osihloko sithi, ‘SAFA SAPHEL’ ISIZWE ESINTSUNDU!’, siyayiva imbongi ikhalima isenjenje:

“Saze saphel’ isizwe esiNtsundu,

Siyaphela thina singamanina.

Baze baphel’ abantwana bomgquba,

Xa namhla sibulawa ngabalingane bethu.

Xa namhla singakhuselwa ngoobhuti bethu.

Suka sibonakale njengamaxhoba okuxhatshazwa,

Sithi sihamba sijongwe ngamehl’ okhozi.

Kazi igazi lomntwan’ omgquba alithethi kuni kusini na?”

Kumbongo osihloko sithi, ‘UMHLOBO’, imbongi iqala ngombuzobuciko othi: “Yintoni kuwe umhlobo?” Iyatyatyadula ke emva koko isinika intsingiselo yomhlobo, kodwa zikhona nezilumkiso. Yive xa isithi:

“Uninzi lwethu aluyazi intsingiselo yomhlobo,

Sibhidekile sabetheka egameni lomhlobo.

Saphuke iintliziyo ngenxa yabahlobo.

Ungamfumana phi ke umhlobo onje?

Babini bathathu abantu abanabahlobo bokwenene.

Isizathu sesokuba abahlobo,

Phandl’ apha abanayo inyaniso.”

Iza kuba sisifundo esibalulekileyo esi ngakumbi kulutsha, njengabantu ababuthathaka nabavame ukukholosa ngabahlobo. Kuye kuthi ke kuloo nto yokukholosa ngabahlobo, kubekho iimfundiso zabazali eziye zityeshelwe egameni lobuhlobo obungenasongo.

Xa intwazana esaze ngobuso elizweni inokukwazi ukuza nomsebenzi ochubeke ngolu hlobo, akukho nto yimbi endinokuyithetha ngaphandle nje kokuthi ndiyangqinelana nayo xa isithi “ukukhanya kufikile,” ngokuba naku ukukhanya kufika nayo apha eluncwadini lwesiXhosa.

Umhlalutyi nguLihle Sokapase wakwaNgqa Phambili Publishing okwanguye nomhleli kwaSoluncwadi (www.soluncwadi.co.za).