Ukuvalwa kwe-akhawunti yeIndependent Media

Mr. Thulani Gcabashe – Chairperson, Standard Bank Group

Mr. Sim Tshabalala – Group CEO, Standard Bank

Mr. Lungisa Fuzile – CEO, Standard Bank South Africa

18 July 2022

Bahlekazi

Sibhala le ncwadi singabaqeshwa beIndependent Media, owona mbutho mkhulu kupapasho lwamaphepha eMzantsi Afrika. Sinamaphepa angaphezu kwamashumi amabini anesihlanu kwaye lo mzi uqeshe abasebenzi abangaphaya kwama1400.

Siqala le mbalelwano ngokucaphula amazwi woMongameli wokuQala woMzantsi Afrika phantsi kwedemokrasi uGqirha Nelson Mandela owathi: “Usasazondaba olukhululekileyo lulo kuphela olunokuqinisekisa ukuba abalawuli belizwe bayaphendula ngezenzo zabo kwaye abenzi unothanda.”

Sicinga ukuba igalelo likaStandard Bank lokuxhasa iSikuvile Journalism Award, livumelana nale mbono ingentla.

Enika inkxaso kwindima edlalwa yimizindaba ezimeleyo ekuphuhliseni idemokrasi, uMnu Fuzile ngo2022 kunikezelomabhaso wathi: “Nenza okuhle kakhulu ekuqinisekiseni ukuba idemokrasi yethu isentsha. Ndingatsho ngokuphandle ukuba ngaphandle kwegalelo lenu idemokrasi yethu ingafeda.”

La mazwi kaMnu Fuzile avakala ebubuxoki ngoku xa siqwalasela isigqibo seStandard Bank sokuvala iakhawunti yeyona nkampani inkulu kupapashozindaba eMzantsi Afrika, inkampani ezimeleyo. Oku sikufanisa nengcinezelo embi kakhulu, kukrwitshwa amazwi nokuzithethela ngentando yakho, ngumlo wokucima inkululeko yopapasho ngokufana ncakasana namaxesha orhulumente wengcinezelo. Ibhoxana namalungelo aphantsi komgaqosiseko.

Sicela niqwalasele oku kulandelayo:

Zibekwa nje yazini oku, asisayi kunivumela ukuba nivale lo mzi wosasazondaba kunye nobuntatheli. Ukuvalwa kweakhawunti yeIndependent Media kuthetha ukuvalwa kwamazwi noluvo lwabantu abangaphezu kwezigidi ezilishumi. Oku kungakhokelela ekubeni abemi belizwe bangakwazi ukushukuxa imiba ebachaphazelayo, bagxeke bancome apho kufunekileyo. Ngamafutshane nicinezela intetha ekhululekileyo.

Iinjongo zenu zokuvala iakhawunti yeIndependent Media iza kuchaphazela ubomi babantu abaninzi, sithetha ngabantu abangama1400 ngexesha apho uMzantsi Afrika ujongene namaqondo entswelongqesho aphezulu.

Ukuba isigrogriso sokuvala iakhawunti siyaphumelela siza kuthetha ukuba ukhuphiswano kwezopapasho luyancipha kwaye oko kwakuthetha ukuba usasazondaba lukwigcuntswana lwezandla. UStandard Bank ufuna lo nto?

Sibhekisa kuni sisithi lo mzi wopapasho uveze ibholo lePPE elalichaphazela iofisi ephezulu kwilizwe lethu. Yaba yiIndependent Media kuphela eyaveza amanyundululu achaphazela iphulo le ‘CR17’ nalapho imizi yosasazo emininzi yakhetha ukuyibetha ngoyaba le meko. Balandela ekhondweni kamva! Sithi abachaze inyala lasePhala Phala apho kubiwe intywenka yemali emzini kaMongameli.

Le yimizekelo embalwa esiyichongayo ukubonisa ubugagu bethu, abo sikhuphisana nabo abenzi oku. Ngaphezu koko, i-Independent Media yiyo kuphela evisisana nentlungu yabantu abahluphekayo, sinika izwi kwabo basweleyo, kwabo bangenazwi. Amaphulo ethu afana nala: Don’t Look Away, Racism Stops With Me, Dignity Project, konke oku kuchaphazela uluntu. Sibonise nje inkathalo yethu.

Isigqibo senu sokuvala iakhawunti yethu singuIndependent Media kuthetha okubi kubaqeshwa bethu, kwilizwe lethu, kubuyisela umva kuko konke okulwelwe ngabantu bethu. Ngentlonipho enkulu, le demokhrasi sayilwela, ikhusela nina nathi ukuze sikwazi ukwenza umsebenzi ngokukhululekileyo.

Elokugqiba, singathanda ukuba nisiqwalaselise isigqibo senu, oku sikujonga njengohlaselo kwinkululeko yokuzithethela. Isigqibo senu sichasana nokuxhasa kwenu iSikuvile Journalism Award. Ukuba ninyanisekile, tshintshani isigqibo senu.

Siyekeni sisebenzele abemi boMzantsi Afrika ngokuzisa ulwazi oludingekayo.

Aneez Salie – Editor-in-Chief

Aziz Hartley – Cape Argus

Adri Senekal de Wet – Business Report

Melani Peters – Weekend Argus Sunday

Jade Otto – Weekend Argus Saturday

Taariq Halim – Daily Voice

Siyavuya Mzantsi – Cape Times

Sizwe Dlamini – Independent Media Investigations

Piet Rampedi – Pretoria News

Sifiso Mahlangu – Star

Kashiefa Ajam – Saturday Star

Zingisa Mkhuma – Sunday Independent

Philani Makhanya – The Mercury

Zoubair Ayoob – Independent on Saturday

Sandile Mdadane – Sunday Tribune

Ayanda Mdluli – Daily News

Kiki Ntuli – Isolezwe

Aakash Bramdeo – Post

Chantel Erfort – Cape Community Newspapers

Vukile Sonandzi – Isolezwe lesiXhosa

Lance Witten – IOL