ZIKHONA izinto ezimbalwa ezingakushiya uchulumancile ngaphezulu nje kokufumana isiqinisekiso sengqesho somsebenzi ohlawula ngcono kwanohloniphekileyo.
Xa ndandifumana isiqinisekiso sokuqeshwa njengomkhwezeli omkhulu (chief sub-editor) ndandineemvakalelo ezahlukeneyo.
Nangona nje ndandinemincili nochulumanco, kodwa kwathi qatha into kum yokuba mna neqela lam sasinoxanduva lokuqinisekisa ukuba iphephandaba lethu elitsha liyaqala ukupapashwa futhi liyakhula okanye sasizakubona litshabalala iphupha lethu futhi singenaphephandaba okanye singenamisebenzi.
Sele ifana nembali ngoku eyokuba Isolezwe (KwaZulu Natal) laba yimpumelelo ukusukela ngoTshazimpuzi ka2002, nto leyo ekhokelele ekubeni sithengise amaphepha angaphaya kwekhulu lamawaka (100 000) kwiminyaka nje elishumi nalapho ndisebenze kwiindima eliziqela ekuquka kuzo ukuba yintloko yabakhwezeli (chief sub).
Umbulelo ndiwusa kwisikhokelo esingumzekelo sikaPhilani Mgwaba, umhleli wokuqala kwiSolezwe (KwaZulu Natal), kwanomsebenzi owawusenziwa liqela laseThekwini kwanakwezinye iingingqi zakwa-Independent Media.
Njengabalweli (ababebizwa njengeKamikaze) beMfazwe yeHlabathi, iqela lokuqala leSolezwe laliqala iphulo leli phepha ngothakazelelo. Kwakungekho kubuya ngamva. Sashiya imisebenzi yesigxina yethu kumaphephandaba aneminyaka engaphaya kwekhulu, aquka iSunday Tribune, kwaye mna ndashiya ngasemva umsebenzi kwiphephandaba Ilanga neDaily News.
IziThixo kuyacaca nje ukuba zazindicwangcisele lo msebenzi. Eli phephandaba (Isolezwe) lasungulwa ngomhla wam wokuzalwa (Tshazimpuzi 8) kwaye bathumela usisi kaNat Nakasa ukuza kundinika amazwi enkuthazo.
UGladys Maphumulo, ummelwane endimaze amaxesha aliqela kuba wayehlala kufuphi nekhaya lam eMlazi, wandixelela ukuba wayechulumancile ukubona igalelo likabhuti wakhe (Nat Nakasa) kwezendaba kwanakumzabalazo welizwe.
Wayekwakhalaza ukuba kwakukuncinane okwenziwayo ukuwonga amaqhawe afana noNakaza owavulela indlela abantu abafana nam abaxhamla inkululeko.
Ndiqinisekile wayekwathetha izinto ezifana nale xa edibene nooMongameli okanye abaphathiswa. Kunyaka ophelileyo, iintshiyekela zomzimba kabhuti wakhe zibuyiselwe kwaze kwenziwa umngcwabo ondilisekileyo eChesterville.
Ndabona ebusweni bakhe ukuba wayechulumancile ukubona umfanekiso kabhuti wakhe owabhubhela eNew York eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo.
Oku kwandishiya ndizingca ngokuba yintatheli futhi kwandikhumbuza ukuba noxa nje uNakasa ezenzele igama ngokubhalela iDrum Magazine iRand Daily Mail neNew York Times, waqala ukusebenza eThekwini kwiphephandaba Ilanga laseNatal elaqalwa nguGqirha John Langalibalele Dube ngoTshazimpuzi ka1903.
Ndaziva ndinovuyo kodwa ndinentloni kuba ndangingazi lukhulu ngoNakasa neqela lakhe ngemisebenzi abebeyenza ngenkululeko yethu equka inkululeko yabeendaba.
Ndandingazi ngosuku abhubhe ngalo, usuku olo ebekufanele into yokuba lukhunjulwa ziintatheli unyaka nonyaka.
Ndandiphelele nje ekufundeni nasekuveni ngale ntatheli eyabhubha ngendlela engumnqa kwisixeko saseNew York iselubhacweni ngeminyaka yoo1960, kodwa ndaliphosa ithuba, walifumana njani ithuba lokufumana izifundo kwiNieman Fellowship xa wayenzagange aphumelele kwa ibanga leshumi, futhi wayebuthatha phi ubugorha bokuthubeleza kwimiqobo yocalucalulo ehlala eGoli esebenza njengentatheli.
Ndaliphosa nethuba lokufunda ngohambo lwakhe lokuya elubhacelweni eMelika, eqhubeka nobomi bakhe bobugorha.
Sazimisele ukuba asinakubuya ngamva koko siya nathi njengeIsolezwe nanje- ngoko sasilungiselela ukumisela iphepha lokuqala elipapashwe ngelinye leelwimi ezingamawaka amabini ase-Afrika. Safumana inkxaso emandla koogxa bethu bakwa-Independent Media ngokwahlukileyo kwiingxaki abathi badibana nazo ooNakasa. Nangona kunjalo yayilinqanaba elibalulekileyo elalikwanika umcelimngeni owakhokelela ekukhuleni nakwinguqu kwi-Independent Media. Impumelelo yephephandaba Isolezwe yanceda inkampani ukuba ibenenguqu ngokugalela ilizwi elitsha kuluhlu lamaphepha abo.
Oku kwavula amathuba amahle kubasebenzi, ngaphezu koko yaqinisa uzinzo nakwamanye amaphepha, ingakumbi lawo asebenzela eThekwini, kuba athi axhamla ngokwabelana ngenkcitho nezinye izixhobo zokusebenza. UNakasa wabuyela ekhayeni lakhe eChesterville, kwaye ubandlululo laphela kweli. Nangona kunjalo idabi lokutshintsha ushishino lamajelo eendaba alikapheli. Eminye yemiceli mngeni eyakhuthaza oonondaba ukuba badibane eWindhoek baza beza nombono weWorld Free Press Day kwiminyaka engamashumi amabini anesithandathu eyagqithayo isekho nanamhla oku.
Kulawulo lesininzi ngoko-mgaqo siseko singabe sinayo inkululeko yokubhala ngokukhululekileyo, kodwa imicimbi efana nobunikazi, iimeko zokuthengisa, iimeko zopolitiko kwaneemeko zentlalo ziseyingxaki ephakathi kwethu kude kube ngoku. Akukho bani ngaphandle nangaphakathi kolu shishino leendaba okwazi ukuxoxa ngokuvakalayo ukuba inguqu yenzeke ngokukuko. Ndavuya kakhulu ndakuba ndizakubuyela kwakho kwinkampani yakwa- Independent Media ngonyaka ka2014, usihlalo we-Independent Media uGqirha Iqbal Surve uthetha ngokucacileyo engenadyudyu ngotshintsho. “Sekunjalo” ligama lesiXhosa elithetha ukuba “ngoku lixesha”.
Ukusekwa kwale nkampani kwaba yinxalenye yelinge lokuqhubela phambili iinkqubo zegugu eMzantsi Afrika. “Savumelana ukuba igama lale nkampani kumele ukuba libonakalise indlela yokuziphatha, imbali nonxibelelwano kunye nabantu kwanokuqaphela ukuba sikwixesha elibalulekileyo kumcimbi weenguqu zentlalo,” utshilo uSurve.
“Ngaphezu koko, uSekunjalo yingoma eyakhe yajuxuzelwa nguMadiba (Nelson Mandela) ngexesha ebekwiphulo lokuqinisa amaphulo aya kulonyulo lokuqala lentando yesininzi,” watsho uSurve. Abanikazi abatsha bakwa- Independent Media balandela ngokuthatha amanyathelo malunga noku saza emva koko sabona kumiselwa I’solezwe lesiXhosa kunye neAfrican Independent, oku kufakela kubuhle balo msebenzi. Oku kwenze ukuba inkampani izibone inika inxaxheba kubantu abahlukileyo ngaphakathi eqeleni le-Independent Media. Ukuba ebesaphila uNat Nakasa ebezakuzikhethela ukuhlala ekhayeni lakhe kunye nosapho lakhe kunye nabahlobo bakhe kubushushu bekhaya lakhe kwesi sixeko saseThekwini.
NjengoRholihlahla Nelson Mandela wafumanisa ukuba akukho limbi icebo ngaphandle kokunikela uboni bakhe kumalinge okukhangela inkululeko, oko kuqala ngokuya eRhawutini waza kamva waya kuphelela eNew York. UNakasa wahlala esebenza esihla enyuka egagana nemiqobo nengcinezelo yelo xesha. NjengoNakasa abanikazi bamaphephandaba nonondaba banamhlanje bayayamnkela imeko ekhoyo, besithi indlela ekuyiyo, okanye besithi “ingaba awuyikholelwa”. Konke oku kubonisa ukuba ayikho enye into esinokuyenza, kukwenza inguqu. Kubhaliwe kulo mqulu ukuba siyakuthanda ukuhlomla kakhulu kule mihla ngaphezu kweBhayibhile kunye neKuran. Umgaqo siseko weli usidibanisa usikhumbuza abantu abafana noNakasa, siqwalasele ukungabikho kobulungisa ngamaxesha obumnyama angaphambili, nokuze kusetyenzelwe ukuphilisa umhlaba wethu kusenziwa inguqu ngokuqulathwe kumgaqo siseko.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo