Umnatha weNtlebendwane

Akukabimpondo zankomo kwaye ke nalo ilanga lisarhuqa iinyawo ukuvula amehlo ze lilozele likhanyisele ubutsha bemini. Kodwa kunjalo nje sele kukho abantu abasele bejongene emehlweni kukusindwa ziindaba okanye iminxeba yabo iphithizela ngendlela emangalisayo, uvele ungayazi ukuba sele izindaba ezivela phi eli xesha.

Abanye abantu iba ngathi baqeshelwe ukusoloko beneendaba okanye bahlawulelwa ukuzisasaza.

Oku kudla ngokubaneziphumo ezimasikizi kuba kaloku kukho imitshato eyaba yimiphunga, yaphelela kumafu obumnyama. Ukanti ke abanye baphelelwa yimisebenzi yabo, yaza ikati yalala eziko kuba kunqongophele umlilo eziko, konke oku ke ngamaxesha amaninzi kubangwa ziindaba ezisasazwa ngabanye.

Kukho abantu abasoloko benento embi yokuthetha nokungcolisa omnye umntu kwaye ke aba babaliqumrhu lokudobelela nokungcwaba abanye besadla amazimba.

Abona bantu abadla ngokuphemba nokuvuthisa kakhulu umlilo wolwimi ngomntu idla ngokuba zizihlobo zakhe ezisenyongweni. Ke nabo ubani azalwa okanye azalana nabo, kubi, mandithi kunuka kwaye kutsarha macala, kuthimleka kabuhlungu ngulo mnatha wolwimi de utswebe nabo bakhokele kulo mnatha.

Iindaba ezimbi ngomntu zibaleka zingatsho tu ukuma kwaye zifikelela kwiindlebe zonke.

Oku ungacingi ukuba sisimbo samaqab’ angqond’ ingqisha ndawonye, koko oku sisifo esambatha nezifundiswa ezi imbala.

Kodwa ke inyani yona engaqhwanyaziyo kukuba amaxesha amaninzi oku kuye kuzalwe ngumona, umona abhala ngawo athi uL.V. Mtamazeli:

“Umona

Sifo ndin’ esithand’ iliso,

Manz’ amthomb’ avez’ ucwengeko,

Kant’ umoni uyakhohliseka.

Uqaqambo-mbonakalo asigolide.

Kuwe mon’uxolo alaziwa.

Ufukam’emntwini ngeengcamb’ezinde.

Uyaphazamiseka bubuhle bento.

Mhle kuwe awuboni siphaku

‘Krunek’intliziyo ngenxa yokubona;

Ndiding’intshongo yokudyobh’iliso,

Lingabon’int’umon’awubhaqwa.

Lingelam’into umona awelanywa.

Lungcungcutheko kumnt’onalo.

Uyacikideka kamb’ aceketheke.

‘Ntliziyo yakhe ayazi lonwabo.

Obakh’ubukho abakhi buhlobo.

Masingahlali nomzondo kambe.

Madoda heshani nangeminqayi;

Nibhenguze bafazi nangebhayi.

Chilani maxhwele nangechiza.

Umoy’utshayel’uphos’elwandle.

Makwedini funzani nangengqeqe.

Akoyanywa kamb’oneqhenkqe.

Umona niwuxwaxwe njengebhengqe……”

(Aweselwa By WM Kwetana, Kaqiso Publishers 1990)