Umntwan’ entombi ngowakulonina!

Ndichukunyuswa ngumfundi weli phephandaba othe iyamhlupha kwaye akahambisani nomthetho wokuba ngowakulonina umntwana wentombi engendanga. 

Uthi oku luluvo nje labazali nolwabantu abazibiza ngokuba zizazi zenkcubeko; mabayekwe bazibize ngeziduko zamadoda ekuthiwa oonina babazale kuwo. Yidemokhrasi ke leyo, ethi umntu makazibize ngoko akuthandayo kwaye angakwamkeli ukubizwa ngangakuthandiyo. Makazibize ke umntu ngoko athanda ngako, ukhululekile!

Kambe ke, ndithi mandibalule nje indawana endiyiqondayo malunga nokuba kutheni na umthetho wethu usithi umntwana wentombi engendanga ngowakokwayo kwentombi. Ndiza kuphawula nje umthetho, ndiziyeke ezedemokhrasi nezenzo zonxaxho. Andisiso isazi ke mna, ndiphawula nje ngokwaziwa ngumntu wonke owazi isiXhosa.

Okokuqala, umntwana wentombi engendanga akaziwa uyise; indoda emithise unina ayaziwa! Isizathu sokungaziwa kwayo kukuba ukumitha kwentombi ingendanga ngumkhuba, yinkqubo yasezindle eyenziwa ngamathunzi nangamarhatya kwiindawo ezingekho sikweni lakwenziwa komntwana! Zingangqinwa ngubani ke iinto zobumnyama? AmaXhosa akayenzi into yokwazi into engayazi!
Intombi iyachaza ukuba imithiswe emathileni; kuthunywe amadikazi ukuba ayohlawulisa; ivunywe okanye ingavunywa, mhlawumbi ivunywe sele ike yakhanyelwa. 

Ukuba ikhanyelwe kudlulelwa komnye umoni ukuba ukhona, okanye kufiwe namthanyana. Ovumileyo uyahlawuliswa. Kodwa iyonke loo nto amaXhosa ayiwaniki ukuba ngenene intombi imithiswe kulowo mzi ivunywe kuwo, amkela nje intlawulo kuba nawuphi na umonakolo kufuneka kukho owuhlawulelayo. 

Lo uhlawuleyo umele kukuhlawula nokuba asinguye na omithisileyo, kuba nokungenwa kwentombi kuyahlawulelwa! Akubikho bungqina bungena kuphikwa ke bokuba ngenene intombi imithiswe kumzi ewukhombileyo, iba lilizwi kuphela. Ilizwi elingena ngqina ke asilolizwi emaXhoseni. Kananjalo akubikho nto iphinda idibanise umoni nomntwana, kuba akalobolonga, indoda enomntwana yeloboleyo. 

Zininzi iziganeko apho intombi ivunywa emathileni kanti imithiswe mzini wumbi! Kwakubanjalo amaXhosa akazihluphi ngakulandela, ayeka kunjalo kuba kwasekuqaleni ebengakhange azi, ibililizwi lomfana nelentombi kuphela. Ukumitha kwentombi engendanga kungaphandle komthetho, yinkqubo yasemnyameni engenamntu unokuyingqina! Kungeso sizathu amaXhosa engayingeni into yokuthi umntwana wentombi engendanga ngowasemathileni, kuba kusengenzeka ngowandawo yimbi. Nalowo ke uzikhomba emathileni kungenzeka ukuba uyazilahla, ngowandawo yimbi.

Endaweni yokuba umntwana abe ekhonjwa ezindaweni ezingena kungqinwa ukhonjwa kunina, yena ungqinwayo. Unina ubonwa ngumntu wonke kwaesamithi, naxa azalayo uba nabamzalisayo, angqineke ngokupheleleyo ke kunendoda emmithisileyo. Ngako oko ubungqina bokuzalwa komntwana wentombi engendanga ngunina; ubizwa ngekulonina ke!

Xa intombi isiya kwenda inikwa isicamba eza kusandlala yenze abantwana emzini. Nokuba umyeni nomtshakazi bababodwa na egumbini kodwa iyaziwa into abayenzayo kwaye akulindelekanga wesithathu ubancedisayo. Umntwana ovele ngokhukho ke nguyena usemthethweni. Kukwangeso sizathu umgqakhwe engalandwa, kungokuba esizalweni somfazi ngabantwana bendodakhe kuphela; ubuhilihili obuthi buvele abuna kungqinwa mntu. Umgqakhwe akaziwa, omaziyo ngumenzi wakhe, isigwebo somenzimgqakhwe ke kukubotshwa ilitye lokusila aphoswe esizibeni. Makavele ke!

Kukumlahla umntwana wentombi engendanga ukumbiza ngesiduko sommithisi kanina, kuba kusengenzeka ukuba akangowalapho! Ndiyashiya ke kwiinto zeeDNA esezikho, ndisathetha nje ngomthetho wamaXhosa. Amasiko akhe nezinto zakhe zezakulonina. Enokuba umntwana angendela/azeke kwisiduko ekuthiwa unina wammitha kuso akukho kwanto inokwenzeka, kuba akangoweso siduko! 

Kambe ke akukho kwanto yenzekayo nasekudibaneni kwabasiduko sinye, ezithi zibalulwe ziyinkolo neenkolelo kuphela. Sele ndibone abaninzi abendiselene bezalana; mhla wandibona uze undibophe emnweni nditwele! Goba msenge iibhokhwe zikutye!
Owenu kwisiXhosa, Nxuba