Uqhankqalazo okanye ulwaphulomthetho?

ICACE gca nakubani eyokuba akukho bani onokuthintelwa ekubambeni uqhankqalazo, kuba oko kungabe kuyakhabana noMgaqosiseko. Abantu bathi bakunganeliseki ziingxoxo, baye kuqhankqalazo ngelifuna isisombululo kwiingxaki zabo.

Oku bakwenza kuba bekholelwa ukuba iimfuno nezimvo zabo zakumanyelwa xa bengene esitalatweni, baqhankqalaza. Ngamanye amaxesha uqhankqalazo luye lukhatshwe ludushe, kodwa ngamanye amaxesha kungabinjalo.

Uqhankqalazo lukhokelwa ziinkokheli, nokuba zezabasebenzi, ezasekuhlaleni okanye ezabafundi. Ziinkokheli ezinoxanduva lokuxelela oogxa bazo malunga nokuba kufuneka baziphathe njani kuqhankqalazo.

Xa iinkokheli zimanyelwa futhi zithenjiwe kolu xanduva lokukhokela uqhankqalazo, ziye zimanyelwe ngabasebenzi kwimiyalelo eziyikhuphayo, malunga nokuziphatha kwabaqhankqalazi.

Uqhankqalazo olungenabakhokeli luyinkathazo, kuba lungabangela ukuba bangakuzuzi abebekucebile abo baqhankqalazayo. Endaweni yokuzuza abebekucebile, luvele luphume nadlolwazana uqhankqalazo.

Udlolwazana ke kukuba luphume nomntu othile angene kwingxaki ekude kunale bekuqhankqalazelwa yona, mhlawumbi kuphume isidumbu okanye ubani onzakale.

Nalu ke udlolwazana luphumile kuqhankqalazo lwaseWalter Sisulu University obelubanjwe ngabafundi ngoMvulo. Bagxogxe bonzakalisa amapolisa. Abaphelelanga apho, bakwatshise nesithuthi sohlobo lweNyala samapolisa. Elinye kula mapolisa lisesesibhedlele emva kokugxogxwa ngabafundi.

Izolo (Lwesithathu), amapolisa abhengeze ukuba kubanjwe umfundi onama-24 malunga nokutshiswa kwesithuthi samapolisa kwanokonzakalisa amapolisa

Iyakukhumbuleka eyokugxekwa kwamapolisa kuqhankqalazo lwaseWits, apho kwabhubha uMthokozisi Ntumba ezihambela engenanto yakwenza noqhankqalazo. Esi sehlo sokubhubha kukaNtumba sibangele ukuba agxekwe amapolisa ngendlela alusingatha ngayo uqhankqalazo.

Kodwa kwesi sihlandlo saseWSU, amapolisa akakhange onzakalise mfundi. Endaweni yoko konzakele wona.

Ingaba le yindlela ebifuna ukuzuzwa luqhankqalazo lwabafundi baseWSU? Iinkokheli zabafundi beziphi zisenzani?