Ootata bethu babevunyelwa
ngoomama bethu mandulo ukuba baye kwaMabani kunjalo nje balale khona. Phofu yonke
le nto uzakufika ihonjiswa ukuze thina bantwana singayiqondi ukuba kuthethwa
ngantoni.
Abanamhlanje abafazi
soze banyamezele loo “nqala” ngabula bona. Uyakufika umfazi ephicana nefowuni
yendoda, eyihlohla imibuzo yokuba usuka phi ebehleli nabani apho. Kuthi
kusenjalo ke kuvele uqhawuko mtshato. Uyabona thina besiye sithi xa silima uve siyalelwa
ukuba ngengomso sibophe siyokulimela umaBani ongenandoda nanyana wokumncedisa.
Kuthwe xa kuvunwa
“THATHANI LO MBONA NIWUSE KOLWASIZANA LINGU-MABANI” – ngalo lonke elo xesha
umama wakho uyayazi into eqhubeka phakathi kuka tata wakho nala maBani. Naye ke
loo maBani uyakudliwa ziintloni ayigxothe indoda ngelinye ixesha ukuba iye
kulala emzini wayo, ithi ukuba ithe yalala apho ivuswe ngentseni ukuba igoduke.
Uyakuthi akufika ekhaya ebuzwa uve esithi “HAYI BENDIYOKUBONA ABANTAKWETHU KULA
LALI ITHILETHILE, SATHI NGOKUNCOKOLA SISELA ECALENI ANDABONA UKUBA SELE
LITSHONILE ILANGA” – nomama uyakuvumela emazinyweni ambekele amanzi ukuba
ahlambe amenzele nokutya.
Ucinga ukuba
ungayifumana loo mbeko kweli xesha likhoyo. Eyona nto ndizama ukuyiveza apha
kukuba isikhwele seli xesha senza imizi emininzi ichithakale kanti imitshato
yamandulo yayiqinile ingagungqi nakancinci. Abangoku umntu endaweni yokuncedisa
umntwana ngomsebenzi wesikolo wasekhaya uyakuxakeka kukujongana noNomyayi
wendoda yakhe. Omnye ade akhalazele ukukhala kukaNomyayi ngexesha elithile
rhoqo kusasa kanti uNomyayi wenziwe ukuba ukhale ukuze avuke!
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo