Njengokuba
sisuka kwixesha lokwaluka kwaye sisaya kwelinye ixesha lokwaluka futhi ndibone
izinto ebendingakhange ndizicingele ukuba zingenzeka nyani. Ndikhe
ndazama nam ukufuna ukuthatha indlela emfutshane ndanqandwa kunjalo nje
ndanqandeka. Inde nyhani kweli xesha sikulo indlela eya ebudodeni ayifani
naleya yethu apho umntu wayebuya eGoli adibanise unina noyise abanike imali
athi ucela ukwaluka, futhi kwenzeke.
Apho abanye abangasebenziyo umntu wayebonwa
ngemikhuba ayenzayo uve amaxhego xa edibene engqumshela esithi “LE NKWENKWE
IFUNA UKUQUTYULWA YOLUSWE NGOKU KUBA INEMIKHUBA” – kweli xesha likhoyo
kwankwenkwe leyo kufuneka ibe iyafuna ukwaluka kungenjalo uyakudada ejele ukuba
ukhe wayiqubulela ebhomeni ndiyakuxelela.
Nto
leyo indibuyisela kweliya lam lokuba inde indlela ehanjwa ngala makhwenkwe eli
xesha, ukuya komkhulu, ukuya kwindlu yeenkosi, ukuya kugqirha nokubuyela
kwindlu yeenkosi kwakho. Uthi uyigqiba yonke loo nto umdla ube sewuphelile. Kungekudala
zizakunikwa izatifiketi zobudoda athi njengokuba ebhalisiwe nje xa ephuma
anikwe isatifiketi sakhe sokungqina ukuba uyile entabeni kunjalo nje wabuya
ephila engabikwa hlaba, uze ungandikholelwa, uVela Bahleke uyaprofita ngoku
into ezakwenzeka ingaphelanga iminyaka emihlanu.
Into endiyoyikiselayo kuyo
yonke loo nto kukuba sizakukhonjwa zezi ntwana uthi usithi “ABAFANA NGAPHA” abe
ekubuza ukuba “UYINDODA KAKADE WENA TATA?” Uthi usothuke leyo akuvezele esi
satifiketi sakhe sobudoda athi nabu obakhe ubungqina bokuba uyindoda akubuze
“BUPHI OBAKHO?” Uyayiva ke ngoku ukuba ndiyaphi.
Lula da Silva : ‘Wayenyulelwe ukulawula iMelika uTrump’