Vela Bahleke

Namhlanje ndifuna ukukhumbula ugxa wam emsebenzini nomhlobo omkhulu esisuka kude kunye. Ndifuna ukukhe ndihlekise abalesi beli khasi. Ndimkhumbula ndiqala ukumbona siserenkini yase-Mthatha ndamxelela ukuba xa sifika eThekwini akhulule ibhatyi kunye nomnqwazi, wayelikrwala ngelo xesha. Sadinga indawo salaliswa ngomnye utata emkhukhwini wakhe awayewusebenzisela ukufonisa abantu. Kwakuthi ebusuku njengokuba ulele uve umntu oyamisile apha ngaphandle elahla amanzi wothuke uzijonge ukuba loo mchamo wakhe awungeni ngaphakathi na. ndiyazibona zonke iimini ayikho eyodlula le sathi sifumene indawo yokuhlala, umfo waseNgcobo wafuna ukuba siye elwandle ndabe ndimxelela ukuba sisemva emsebenzini wesikolo kwaye neempahla zethu zisathe saa zifuna ukuqoqoshwa. Intone, waphuma apha ndathi makahambe. Iqengqelekile imini de kwakhanyiswa izibane ngokuhlwa engaveli ndawo, wathi gqi ethubeni sele ebetha ngogaga enxibe nje ibhulukhwana emfutshane. Ndiyambuza ukuba ziphi impahla uthi kum ebedada ezijongile suka kwafika ezinye iintwana zamdlalisa kwakhwijelwana ngamanzi kanti uphazanyiswa ekujongeni ezo mpahla, ngelixa kudlalwa umasikhwijelane zona impahla ziyemka. Into endigqibayo koku kubuya kwakhe ngeli xesha uthi wayezikhangela esiya nasemapoliseni alapho elunxwemeni avele amxelela ukuba ebephisa ngazo, udada kanjani uhamba wedwa? Ndinombono wakhe nanamhlanje enqumla idolophu yonke yase Thekwini ehamba ngebhulukhwe emfutshane ebetha ngezikaTshiwo ukuya kufika apho sasihlala khona.

Ndiyabulela kodwa Tyhopho, Mgcina, Nokwindla, sisebenzisene kakuhle kakhulu kweli phepha-ndaba, ndibhekisa kuwe Jongi Isaaks utsho ngoncumo olugoso nje!