Xa sisithi “Sifuna Umhlaba!” sifuna ntoni kanye kanye?

Linda Mbuqe

UMzantsi Afrika omtsha wazalwa kwidabi lenkululeko elakhokelela ekukhululweni kumakhamandela engcinezelo.

Ezopolitiko eMzantsi Afrika zisoloko zibonakalisa iimfuno zesininzi sabemi boMzantsi Afrika.

Kodwa ngoku into efuneka ngamandla eMzantsi Afrika ngumhlaba oqinisekisa inkululeko kwezoqoqosho.

Intlupheko elutshaba elihleli likhona kumazwe amaninzi yenze ukuba kubekho amaqela athile ezopolitiko eMzantsi Afrika anyanzelisa ukubuyiswa komhlaba ngaphandle kwentlawulo. Inefuthe elinzima ke le ntetho kuba isekelwe kwiingcinga zabantu ababona umhlaba njengento ezakubakhulula kwintlupheko.

Ezi ngcinga zinefuthe elinzulu xa uzithatha ngokunjalo bazo.

Umbuzo endinawo ugxile ekubeni umhlaba ungakwazi ukuvelisa indima ebalulekileyo kwezoqoqosho? Ngokulula, umhlaba ungasikhulula njani entluphekweni?

Umhlaba ngokunokwawo awunamveliso; awuvelisi xabiso, ngaphandle kokuba uphuhliswe ukuze kuvele ixabiso lawo. Oku akuphelelanga ekulinyweni nakumadlelo emfuyo. Xa utsala amanzi kulo mhlaba wandisa ixabiso lawo.

Indlu, ispaza, naso nasiphi na isakhiwo esisekelwe ekuphuhliseni ixabiso lomhlaba ngundoqo nesiqalo sokuxabiseka kwalo mhlaba ufunwayo.

Xa sifumana lo mhlaba sizakuwusebenzisa njani ngokwexabiso lawo? Ingakumbi kwintlupheko njengengxaki esentloko.

Ngokolwam uluvo sikhangela isisombululo sokulwa nentlupheko ngokuthatha uxanduva lokuphuhlisa umhlaba. Kufanele ukuba siqwalasele amathuba oqoqosho ngokukhawuleza, nangavelisa ingqesho.

Ukuvula amathuba engqesho ayiloxanduva lukarhulumente, lelomntu ofana nam nawe, urhulumente unoxanduva lokwenza ukuba imeko ivumele ushishino.

Kuyimfuneko ukuba sibonisane norhulumente ukuze enze imeko efanele ukuvulwa kwamashishini, kwakunye nokudala amathuba emisebenzi.

Viva kwimigaqo-nkqubo evumelana noshishino!

Viva kwinkxaso-mali!

Viva kwinkxaso yamashishini akhasayo!

Viva kwimisebenzi ngexesha lethu!

*UMbuqe ngumthandi wako konke okucingisayo. Yingqondi esoloko ilangazelela ulwazi nentlalo entle. Ngumhambi weendlela ezingahanjwayo.