Nangona kukho iinkokeli noluntu olumiyo ukuba lungenziwa utshintsho kwisiko lokwaluka, lona liyaqahubeka ukwenzakalisa iimpilo zabantwana abancinci eMpuma Koloni.
Ngabantwana abathathu abathe baphulukana namalungu abo obudoda ngexesha lokwaluka lasebusika kulo nyaka. Oku kwenzeka logama belishumi elinesine abantwana abathe babhubha ngenxa yesiko lokwaluka.
Ukulahlekelwa lilungu lobudoda kumntwana ominyaka elishumi elinesibhozo kuthetha ukuba uyafana nokuba ubulewe.
Kaloku xa ebuya esuthwini, ubuya equlethe imibono, iminqweno neenjongo zakhe ngempilo yakhe.
Kodwa ukungabikho kwelungu lakhe lobudoda kuthetha ukuba ngenene akanakukwazi ukuzalisekisa iminqweno yakhe.
Indoda evela esuthwini ibuya inombono wokuba iza kuqalisa ukusebenza kwimibono yekamva layo. Ukungabinalo ilungu lobudoda kwenza ukuba lo mntu aphelelwe ngumdla ebomini, azibone engumntu owahlulakeleyo empilweni nangona engenzanganto yena.
Amathuba okufumana abantwana ambalwa ukuba akhona nakancinci, kaloku abantwana benziwa ngeli lungu lobudoda.
Uninzi lwabo luyazibulala ngenxa yokulahlekelwa lilungu lobudoda, kungenjalo azilahlele kwiziyobisi kuba kungekho nto anethemba layo.
I’solezwe lesiXhosa lijikeleze kwiindawo ezininzi zeMpuma Koloni likhangela ubungozi kubantwana abaphulukana nelungu lobudoda ngenxa yesiko lokwaluka.
Ngonyaka ka2017, babengaphezu kwamashumi amabini abantwana abaphulukene namalungu obudoda ngenxa yesiko lokwaluka.
Kwingxelo yokugqibela ekupheleni konyaka ophelileyo, bebeqikelelwa kwiwaka nangaphezulu abantwana abaphulukene nelungu labo lobudoda esuthwini.
Abazali xa bezala abantwana, ingakumbi abangamadoda, banethemba lokuba baya kufumana abazukulwana ngenye imini. Kodwa ukuqhawuka kwelungu lobudoda kwiintsana zabo kuthetha ukuba abanakuze bababone abazukulwana. Bona abanikazi bala malungu aqhawuka ngenxa yesiko lokwaluka balahlekelwa kuko konke.
Ekuhlaleni phakathi kweentanga zabo bajika babe yinto yokuhlekisa, abanye bade bawancame amakhaya abo kuba besoyikwa ukuhlekwa ngoontanga ndini.
Abafana ababuya esuthwini bayakuthanda ukuqatshelwa ziintombi, kodwa xa bebuya esuthwini benganabudoda, abanakukhanuka ziintombi. Sisithuko kumntu oyindoda ukuba azibone sele echama ngentanjana yeplastiki ngenxa yokuba eqhawukelwe lilungu lobudoda.
Oku kuthetha ukuba isiko lokwaluka libulala ikamva labantwana ngandlela zonke, ngokuba bebhubha nokuba bephulukana namalungu abo obudoda.
Aba bantwana bayabhaca kwiindawo zabo zokuzalwa besiya kuzifihla kuba bengamelani nehlazo lokwaziwa ukuba abanamalungu obudoda.
UNasreddine Nabi uthi uyayazi into efunwa ngabalandeli beKaizer Chiefs!