Yintoni amagugu?

Ulwimi lesiXhosa lisebenzisa igama elithi igugu ngendlela eyahlukileyo kwindlela eli gama elisebenza ngalo kulwimi lwesiZulu.

Kulwimi lwesiZulu igugu lithetha izinto ezililifa, neziyinxalenye yembali nomsebenzi owenziwa ngabangaphambili ingakumbi ngokumayela namasiko, izithethe kwakunye nenkcubeko.

EsiXhoseni kukho iqhalo elithi ‘igugu lingaba likhulu umbombo uyaqhosha’.

Intsingiselo yeli qhalo isenza ukuba sikholelwe ukuba igugu ngesiXhosa libhongo, oko kuthetha ukuba izinto ezililifa kuthi zilibhongo lethu.

Kutshanje kumabonakude weSABC kuvele ingxelo yokuba kukho ukwehla okumandla kumgangatho wokubhalwa nokuthethwa kolwimi.

Ukuthathwa kwamagama ezinye iilwimi asetyenziswe kwezinye iilwimi kunegalelo lokucima okanye ukuthoba isidima sezinye iilwimi.

Abantu abathetha isiXhosa amaxesha amaninzi bathathwa lula zilwimi eziquka isiNgesi nesiZulu. Oku kuphenjelelwa ngamajelo eendaba abhala ulwimi olunamanxele.

Ungeva umsasazi woMhlobo Wenene esithi into itshe yangqongqa, alikho igama elithi ukungqongqa esiXhoseni.

Ngoko ke, ayikho into ekuthiwa ligugu ehambelana nale njongo nenkcazelo kufunzelwe kuyo kulento yamafa, amasiko nezithethe.

Ukuhla kwezinga lokuthethwa nokubhalwa kolwimi lwesiXhosa nezinye iilwimi zesiNtu kubangelwa kukuba abazithandi abantu iilwimi zabo.

Aba baquka ootishala, abasasazi abafundi nababhali beendaba zamaphepha, kuquka noluntu ngokubanzi. Asinakuwashiya ngaphandle amagosa kaRhulumente ngokuba zintshaba zokuqala zelwimi zesiNtu.

Amagosa kaRhulumente asoloko ethembisa ngenkqubo ezibonisa ukuthanda iilwimi zesiNtu, kodwa ahlala esenza izinto ezingahambelaniyo nothando lelwimi zesiNtu.

Ukubhala nangaluphi ulwimi kuhambelana ncakasana nokuluthanda, kungenjalo xa ulubhala ungaluthandi ulwimi, ungabhala nantoni na ekumgangatho ophantsi.

UNjingalwazi DN Jafta, encokola neSolezwe phambi kokubhubha kwakhe wathi, isiXhosa sibulawa kukuba sifundiswa ngabantu abangasithandiyo.

Bubulawu ukubiza izinto ezililifa kuthi ngegama lesiZulu elithi amagugu, asinalo igama elinjalo esiXhoseni. Yahlukanani namagama esiZulu, musani ukonqena ukukhangela ulwazi ngamagama esiXhosa.