Zakuthengiswa nini iincwadi zesiXhosa?

Nangona likhula imihla ngemihla inani lababhali abatsha ababhala iincwadi zeelwimi zesintu ezibhalwe ngesiXhosa, isiZulu, seTswana, isiNdebele, isiVenda

nezinye, azikho iivenkile zokuthengisa ezi ncwadi.

Iincwadi ezibhalwe ngeelwimi zethu bezingafumaneki lula kwamhla mnene kwiivenkile zencwadi kwiidolophu zeli.

Iincwadi ebezithengiswa zivenkile zeencwadi ibizezo zipasiswe liSebe leMfundo ukuba zisetyenziswe ezikolweni. Ingaba kungenxa yokuba ababhali bezi ncwadi bengekakwazi ukuthatha inxaxheba ngokukuko kwimeko yezemali eMzantsi Afrika?

Ingaba sidinga ulwazi malunga neendlela zokuzithengisela iincwadi zethu?

Iincwadi ezibhalwe ngeelwimi zethu zijika imihla ngemihla kwiinkampani ezithengisa iincwadi, ubeva besithi azithengwa, azizukuthengwa, yonke lo nto.

Azithengwa banyanisile, kodwa kutheni thina sixhomekeke kwezi nkampani ukuze sithengise iincwadi zethu?

Kufike ixesha lokuba siqalise ukuzenzela iinzame zethu zokuvula iivenkile zethu zokuthengiswa kweencwadi zethu.

Asinakuhlala sisola abanye abantu ngokungathengisi iimveliso zethu, endaweni yoko kumele ukuba sibhinqe omfutshane wona umbhinqo sithengise iincwadi zethu ngokwethu.

Xa unokujikeleza kumakhaya waba babhali ezi ncwadi zifumbile, azithengwa ngenxa yokuba sifuna abanye abantu bathengise iincwadi zethu.

Masivuke mzi omnyama sidibanise iincwadi zethu sizithengisele ngokwethu, sikhuthaza, sihlupheza uluntu ukuba lufunde.

Zininzi iingxoxo ezenziwa namagosa amakhulu akwaRhulumente ekumele ukuba zisetyenziswa ukuvula inyoba yokuqaliswa kokuthengiswa kweencwadi zethu, sithi.

Umbhali wakuKomani ongumhlobo wam, uMzukisi Silandela, uqale ukubhala eseziseleni, wabhala ukuphuma kwakhe apho.

Akakhange aphelele apho, koko uqalise ukuthengisa iincwadi zakhe kwisitalato iKatikati eKomani. Masiyeke ukoyikana, ukulumkelana, nokungathembani, masidibanise izandla, siqalise ukuthathela kuthi uxanduva lokuthengisa umsebenzi wethu.

Ngaphandle kokuba kunokusinika ithuba lokubonakalisa umsebenzi wethu, sakufumana ithuba lokungena kwiinkqubo zophuhliso lwezimali entlalweni yethu.

Oku kungenzeka nangokuba sicele koomasipala bethu basinike amagumbi exabiso elifikelelekayo, sithengise iincwadi zethu.

Singakwenza oku nangokuqalisa iinkampani zabantu abambalwa ngeenjongo zokuvula iivenkile zethu zeencwadi zesiXhosa.

Ukugxininisa kwisiXhosa akuthethi ukuba azinakuthengiswa ezinye iincwadi ezibhalwe ngezinye iilwimi, kodwa injongo ephambili kumele ukuba ibe kukunika iilwimi zesintu ithuba.

Siphuma singena kwiivenkile ezithengisa iincwadi mihla le sithenga iincwadi ezibhalwe ngesi siNgesi ndini.