Zizifede amadoda amaXhosa, babhubhelani abakhwetha?

Abakhwetha. Umfanekiso: Brent Stirton/Getty Images

Bangamashumi amabini abakhwetha abasele bebhubhile eMpuma Koloni ukuza kuthi ga ngomhla wamashumi amabini kule nyanga yoMnga.

Oku kwenzeka nangona kugalelwa imali neenzame ezininzi ukuzama ukulwa ukubhubha kwabakhwetha.

Amadoda wamaXhosa oyikisa abo bathetha phandle ngale ngxaki, bethetha zonke iintsomi ezingancediyo logama beqhubeka bebhubha abantwana.

Ukubhujelwa ngabantwana abangaphezu kwamashumi amabini rhoqo ngexesha lolwaluko kuthetha ukuba ngenene zizifede amadoda wamaXhosa.

Kwiindawo ezifana neNtshona Koloni kunqabe kakhulu ukuba uve kusithiwa umkhwetha ubhubhile, kodwa eMpuma Koloni apho kucingeleka ukuba liyaziwa isiko, bayabhubha abakhwetha.

Minyaka le urhulumente ubekela bucala imali yokuqeshwa kweenqwelo mafutha zokuhamba ebakhwetheni, le yimali eninzi kakhulu.

Kodwa kuyacaca ukuba ezo mali zichithelwa ebudengeni obungathethi nto, kuba bayaqhubeka bayabhubha abantwana esuthwini. Kusekho amakhwenkwe asangena esuthwini, oko kuthetha ukuba eli nani liza kuba ngaphezulu kwala mashumi mabini ingaphelanga le nyanga.

Kudala kuthethwa izinto ezingancediyo kwiinkomfa, kwiintlanganiso nezinye iindibano ezingolwaluko, zonke azincedi.

UNkosi Mwelo Nonkonyana kutshanje umemelele ukuba linqunyanyiswe eli siko logama kuza kuba kunikwa ithuba uluntu, norhulumente kwakunye neeNkosi ukuba baxoxe. Ngumbono omhle lo kodwa sewugxekwa ngabo bangafuni kubona nguqu kwimpilo yabantwana beMpuma Koloni.

Amanye amakhaya abhujelwa ngabantwana ashiyeke engenaye umntwana oyindoda, leyo yintlungu engenambaliso. Amadoda aseMpuma Koloni mawawuxhase umbono kaNkosi Nonkonyana wokuba kumiswe isiko lokwaluka iminyaka emibini.

Xa limisiwe isiko kuza kuba kukhangelwa amacebo okwenza inguqu kweli siko, zona ziyafuneka ngamandla nokuba ubani angathetha ntoni. Isiko lokwaluka alunakuphinda libenesidima de kuphinde kukhangelwe iindlela zokwenza iinguqu ezizakubuyisa isidima salo kwakho.

Amadoda wamaXhosa wona mawavume ukuba ahlulekile leli isiko, avume ukuba ngenene kwenziwe utshintsho kweli siko lakudala. Lingatshintshwa ngokuba kuvuselelwe amabutho, lingatshintshwa ngokuba kunikwe iingcibi igunya lokuba zalusele emakhayeni wazo. Zikho zininzi nezinye iindlela ezinokuphuma kwiimbono zoluntu malunga neenguqu ezifuneka kweli siko lokwaluka.