Abakwa-ECPTA bazidla ngokubanegalelo kutyalomali lwephondo

IArhente yeMiyezo noKhenketho eMpuma Koloni (ECPTA) ithi iyazingca ngokuzibandakanya nayo yonke iminyhadala emincinci yePhondo enceda ekudaleni izithuba zengqesho nokukhulisa uqoqosho lwephondo (GDP).

I-ECPTA ithi iyayiqonda into yokuba imisitho idlala indima ebalulekileyo kukhenketho lwephondo kuba isebenza njengetsala umdla wabatyeleli kweli phondo, kwaye inamandla okuba yenze iiprojekthi eziqhutywa luluntu zidale imisebenzi ezinzileyo nezibonelela ngamathuba oshishino kwiindawo ezahlukeneyo zephondo.

Imisitho ikwakhokelela ekwandiseni amanani abatyeleli, kwaye idlala indima ebalulekileyo ekuboneleleni ngesizathu esibambekayo sokuba abantu bandwendwele iMpuma Koloni edume ngobuhle bendalo.

Iqela leentatheli lindwendwele imiqolomba eMartinshoek eRhodes. Umfanekiso: BHEKI RADEBE
iMartins Hoek eyindawo enemiqomba enemizobo kunye nembali ngabemi bamaKhoisan ababehlala kwiintaba ezikufutshane neBarkly East neRhodes. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Ngethuba wayethetha kumnyhadala iRhodes Snow, uTracy Putzier nongusihlalo webhodi ye-ECPTA uchaze imisitho njengezinto ezibangela unikezelo lokhenketho olwahlukeneyo, kananjalo nanjengempembelelo yokuhluma koqoqosho nokudalwa kwamathuba emisebenzi ngesakhono sokuzisa imbuyekezo ebalaseleyo kutyalomali.

Ingqonyela ye-ECPTA, uVuyani Dayimani wabelane ngeemvakalelo ezifanayo kwisidlo samajelo eendaba kumnyhadala wezobugcisa kazwelonke apho athe waqaphela ixabiso elikhulu lokusingatha kunye nokusebenzisana nemisitho njengephondo.

Kwangaxeshanye iECPTA ixhase umnyhadala iKirkwood Wildfees Festival nongumnyhadala wezobugcisa kuzwelonke waseMakhanda, kunye nomnyhadala weSnow kwiyunivesithi yala mmandla iRhodes ngenxa yezi zizathu ezikhankanywe ngasentla.

IMpuma Koloni yindawo yawo onke amaxesha onyaka kwaye iyazidla ngemisitho eyodwa neyinyani ekufanele iphononongwe.