Alexander: EbenguMandela wombhoxo uNkanunu

Liphinde lathi wambu ilifu elimnyama emboxweni waseMpuma Koloni. Kutshanje, kubhubhe umdlali wombhoxo kwitumente ebibanjelwe kwilali yaseQonce. Kanti kwiinyanga ezidlulileyo, kubhubhe ngequbuliso umsasazi wombhoxo, uKaunda Ntunja noMnu. Monde Tabata. Ekupheleni kweveki egqithileyo, kuthe gqi umphanga kaMnu. Silas Nkanunu waseBhayi. UNkanunu, 87, obeliqwetha ngokokusebenza, waba nguMongameli wokuqala omnyama weSA Rugby engena endaweni kaLuis Luyt owayekuchasile ukuqukwa kwabamnyama ngo-1998. Ube yinxalenye yesigqeba esilawula umbhoxo eMzantsi Afrika kwade kwangunyaka ka-2003.

“Ebengumntu olungileyo uNkanunu futhi engumngcibi weentanda owangena kulawulo lombhoxo ngexesha elinzima,” utshilo uMark Alexander, uMongameli weSouth African Rugby. UMnu. Nkanunu ukhe waxhuzula imikhala njengosihlalo weSanzaar waphinda walisekela leWorld Rugby eyayibizwa ngokuba yi-International Rugby Union ngexesha lakhe.

“UNkanunu ebenesakhono esibukhali njengegqwetha – kodwa angakhunjulwa njengomntu obefikeleleka nobelilungisa. Ndingavakala njengomntu omncomayo – kodwa enyanisweni ebethobekile futhi wabanefuthe kakhulu embhoxweni ngelona xesha elinzima. EbenguMandela embhoxweni ngoba wangena elulawulweni lombhoxweni walungisa izinto konakele. Akekho umntu oyakuze amkhumbule ngento embi uNkanunu,” utshilo uAlexander.

Yena uMphathiswa weZemidlalo, uNathi Mthethwa, uthe uye kukhunjulwa okaNkanunu njengengomntu obezibophelele kwinguqu embhoxweni. “Amava ebenawo emdlalweni wombhoxo ebezithethela ewodwa. Ebenamava kwezolawulo emva kokubamba isikhundla esiphezulu ukusukela ngo-1992. Phantsi kolawulo lwakhe ngo-1998, uKaya Malotana waba ngumdlali wokuqala umnyama owadlalela iqela lesizwe lombhoxo. Silisebe sifuna ukuthi ngxe kusapho, izihlobo nakwicandelo lombhoxo,” utshilo uMphathiswa. Uya kubekwa kwikhaya lokugqibela ngoLwesihlanu, eNew Brighton, eBhayi.