Amaqela aseYurophu aza kutsalana ngabadlali beBanyana Banyana

Umqeqeshi weBanyana Banyana, uDesiree Ellis, uthi uqinisekile ukuba imfonomfono yakhe iza kukhala uhalala ngenxa yabantu abaza kube befuna abadlali bakhe. Kwiveki ephelileyo, iqela lesizwe loMzantsi Afrika lamantombazana liphumelele indebe yeCOSAFA ityeli lesixhenxe. Abadlali abaninzi abasetyenziswe nguEllis benze umsebenzi oncomekayo kwaye ulindele abanye babo bafunwe ngamaqela aseYurophu.

Emva kokuqhuba kakuhle kweBanyana Banyana kwiCOSAFA Women’s Championship ngo-2019, abadlali abalithoba bathathwa ngamaqela aseYurophu. Ilindelekile nakulo nyaka lo nto emva kokuba aBanyana Banyana bebethe iBotswana ngo’2-1 bathatha indebe. “Andithandabuzi, ndiza kutsalelwa umxeba macala onke. Abantu baza kufuna ukwazi ngabadlali bethu endicinga ukuba batsale umdla wamaqela aphesheya nangona bengenamava kangako,” utshilo uEllis.

Njengokuba enabadlali abaninzi aza kukhetha kubo emidlalweni elandelayo, lo nto iza kumqaqambelisa ngentloko ngoba bonke badlala kakuhle. “Kuphele iveki abadlali bethu abaphesheya bethetha nathi emnxebeni. Bebefuna ukuva indlela esiqhuba ngayo. Lo nto ibonisa ubumbano kwiqela lethu. Ekuqaleni kwethu itumente, abadlali abatsha bebengenawo amava kwiqela lesizwe. Sibakhuthaze bade baphumelela.

Ngoku babeka uxinizelelo kubadlali abebengekho kwiCOSAFA. Lo nto iza kuba yingxaki xa kuchongwa iqela. Abadlali esiphumelele ngabo bebedlala kwiSasol League. Indawo yabangakwazanga ukubuya ngenxa yekhorona ivalwe ngabadlala apha eMzantsi Afrika. Enye into esisebenzeleyo thina sisigqibo seSAFA ecinge ukusingatha iCOSAFA apha ekhaya. Ukudlalela ekhaya kuyawenza umahluko,” utshilo uEllis.

Abadlali ababini beBanyana Banyana bazuze amawonga abalulekileyo ekupheleni kwetumente. UHildah Magaia uzuze elomdlali obalaseleyo kwitumente yalo nyaka, kanti yena uSibulele Cecilia Holweni ufumene iwonga lomdlali ofake amagowuli amaninzi.