Bagoduka bentlimpinika abeSao Tome emva kokuquthiswa nguTau noZwane

Zithe xibilili izibilini emva kokuphumelela koMzantsi Afrika obethe iSao Tome Principe elwileyo kakhulu emdlalweni wesibini wokuzibikela indawo kwi-2022 AFCON obuseNelson Mandela Bay Stadium emalanga namhlanje. ABafana Bafana baphumelele ngamagowuli amane kwamabini (4-2) emva kokusokoliswa yiSao Tome ebizimisele ukugoduka nempumelelo.

Emva kokulwa phantse iziqingatha zozibini, abadlali beSao Tome Principe bagoduka bentlimpinika emva kokuquthiswa nguPercy Tau noThemba Zwane sesiphela isiqingatha sesibini somdlalo. Nangona iSao Tome ibizamile ukuxhathisa emdlalweni weveki ephelileyo ebethwe kuwo ngo’1-0, namhlanje idlale umdlalo ophucukileyo kakhulu futhi okhatshwe ngamagowuli amabini. Ngokuqinisekileyo abadlali bayo bebenalo ithemba lokuphumelela emva kokufaka igowuli kuqala. Ngelishwa labo, baye bagutyungelwa ngaBafana Bafana ngexesha elibi futhi umdlalo sowuphela.

Ngokungafaniyo nakumdlalo ogqithileyo, uMolefi Ntseki uye waqala umdlalo ngamadoda afana noBongani Zungu endaweni kaKamohelo Mokotjo noLule Lakay othathe indawo ka-Innocent Maela namhlanje. UJoazhifel Soares uyibeke endaweni entle iSao Tome ngegowuli elihle emzuzwini weshumi elinambini. Uphendule uMzantsi Afrika ngebhola efakwe nguThemba Zwane odlalelwe nguDean Furman noBongani Zungu abadlale kakuhle esiswini. Ufake elakhe uPercy Tau – kodwa uHarramiz Soares uphendule ngelakhe kwatsho kwanzima emdlalweni.

UZwane noTau bafake amagowuli amabini ixesha selisiya ekupheleni. Impumelelo yanamhlanje iwubeka endaweni entle kakhulu uMzantsi Afrika osele uphumelele imidlalo yawo emibini ilandelelana. Kulindeleke ukuba amakhwenkwe kaNtseki aye kwiGhana ukuzithemba kufunqukile adibana nayo emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu. Okuya kumncumisa umqeqeqshi waBafana Bafana kukubonakala kwamagowuli amaninzi emdlalweni wanamhlanje.

Bafana Bafana: Ronwen Williams , Thapelo Morena, Thulani Hlatshwayo (C), Mosa Lebusa, Lyle Lakay, Dean Furman, Themba Zwane, Bongani Zungu, Percy Tau, Keagan Dolly, Lebogang Manyama.

Amalalela: Darren Keet (GK), Itumeleng Khune (GK), Siyabonga Dube, Motjeka Madisha, Rushine de Reuck, Luther Singh, Tebogo Mokoena, Thabiso Kutumela, Kamohelo Mokotjo, Vincent Pule, Thabo Nodada, Siyethemba Sithebe, Kermit Erasmus.