Ihlabathi likhumbule uAnele Ngcongca obhubhe ngequbuliso eKwaZulu-Natal

Sekuntsuku etshabile uAnele Ngcongca – kodwa amazwi ovelwano asuka kwiikona zonke zehlabathi asangena. UNgcongco, 33, ulandulele eli limagad’ ahlabayo emva kokubandakanyeka engozini yemoto KwaZulu-Natal ngentsimbi yesihlanu ekuseni ngoMvulo wale veki ephelileyo. Iindaba zokuhamba kwakhe zichazwe njengelahleko enkulu ebholeni yaseMzantsi ngugxa wakhe owayedlala naye kwiqela lesizwe – uAaron “Mbazo” Mokoena.

Ngokokutsho kukaMbazo, ilizwe lilahlekelwe ngumdlali obesemgangathweni ophezulu futhi obezimisela emsebenzini wakhe kakhulu. UNgcongca ebengumdlali odlala emva ecaleni lasekunene. “Ebengumdlali odlamkileyo futhi onokuthembela kuye xa udlala naye. Ndicinga ukuba indawo yakhe ibisekhona nakwiqela lesizwe,” utshilo uMbazo, odlale naye ixesha elide kwiBafana Bafana. Konke oku kwenzeka emva kokuba AmaZulu egqibe kwelokuba amthathe kwiMamelodi Sundowns ebekubonakala ukuba akanandawo kuyo kule sizini ka-2020/21.

Ngelishwa, usweleke AmaZulu engekamsebenzisi nakomnye umdlalo. UNgcongca wafika kwiDowns ngo-2016 esuka kwiRacing Genk yaseBelgium, ayidlalele iminyaka emininzi naphumelele iindebe ezininzi kuyo phambi kokuya kwiTroyes FC ngemboleko ngo-2015. AmaZulu neSundowns zikhuphe ingxelo edibeneyo zivakalisa ukothuka nakukhathazeka kukubhubha kukaNgcongca. Phakathi kwemiyalezo esuka kwezinye izizwe kubekho esuka kuThibaut Courtois weReal Madrid nakuKevin De Bruyne weManchester City. UNgcongca ebehlonitshwa kakhulu eBelgium ahleli kuyo iminyaka elithoba edlalela iGenk.

“Kubuhlungu ukuva ukuba umdlali owayedlalela iGenk akasekho,” utshilo uCourtois. “Wayengumdlali ozimiseleyo kwaye ndakumkhumbula ngoncumo lwakhe,” utshilo yena uDe Bruyne. Naye uPitso Mosimane, owaqala ukusebenza noNgcongca kwiBafana Bafana ayidlalele imidlalo engamashumi amahlanu anesithathu phambi kokuza kwiSundowns adlale kuyo imidlalo engaphaya kwekhulu wamana iindebe ezingaphaya kwesihlanu, umchaze ngengegqala.

Abadlali bebhola, iPSL, iSAFA nabantu abaninzi bathumele amazwi wovelwano kusapho lakwaNgcongca olulahlekelwe ngunyana walo owaqala ukudlala ibhola kwiFC Fortune awadlala kuyo phambi kokuya eYurophu.