Inkazathi iyagodusa, kucelwa uncedo lwamaxhoba esichotho

Inkazathi iyagodusa, kucelwa uncedo lwamaxhoba esichotho

Umbutho wesisa iGift of the Givers umemelela kumaSamariya aLungileyo ukuba aphose esivivaneni, ukuze kuncedwe amaxhoba esichotho kummandla waseOR Tambo.

UMphathiswa woHlaliso loLuntu, ezaManzi kwanoGutyulo lweLindle, uLindiwe Sisulu, utyelele eMthatha ngoLwesine ukuya kuhlola umonakalo obangelwe sisichotho esishiye uninzi lonzakele, lungenamakhaya.

Ebephelekwa nguMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi, uXolile Nqata, uSodolophu waseOR Tambo, uThokozile Sokanyile, kwanoSodolophu waseKSD, uGoodman Nyaniso Nelani, kwanombutho wesisa iGift of the Givers.

Ezi nkokheli zityelele eRoss Misson eMthatha apho iintsapho ezikumakhulu amathathu anamashumi asibhozo anesihlanu (385) zithe zachatshazelwa yile mozulu embi.

Esi sichotho sichaphazele iilali ezingaphaya kwamashumi amabini kummandla waseMthatha kuquka nezikolo kwakunye namashishini. Iingxoxo malunga noncedo kumaxhoba ziyaqhuba.

Kwisikolo samabanga aphezulu iHoly Cross eMthatha, ihostele yesi sikolo ishiyeke ingenaluphahla. Nesikolo samabanga aphezulu iJumba eTabase, sishiyeke sonakele ngokumandla.

IGift of the Givers ibalule indawo yokufihla intloko, iiplastiki, amazinki, iingubo, oomatrasi, iimpahla, ukutya, amanzi asezibhotileni kwanezinto zothambisa nokucoca umzimba, njengezinto ezifuneka ngokumandla kule ndawo.

Ngenxa yokubanzi bedemeshe, iGift of the Givers icela uncedo kumaSamariya aLungileyo ukuba aphose esivivaneni. Ibhanki yalo mbutho wesisa ngabakwaStandard Bank (Pietermaritzburg) Account Number 052137228, Branch Code 057525. Lowo uthe waphosa esivivaneni ucelwa ukuba abhale ‘Umtata Tornado’ kwireferensi.

Kusenjalo iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uvakalise uvelwano kumaxhoba, ekwamemelela oomasipala ukuba bancede abo bachaphazelekileyo.