Inkululeko libali lasentsomini noxa bevota

Zilali ezimbini, eyakuMbonde eDutywa neyaseBojini kuGatyana, phantsi koMasipala uMbhashe, eziyiva ngokubaliselwa le nto kuthiwa luphuhliso oluya eluntwini.

Kuninzi kwaye zibukufana izikhalo zabo abahlali kwezi lali. EXhobo kuMbonde kuwadi 8, uceba nguAnda Mpatuse. Bakhalela iibhulurho esele iyiminyaka yophuka phakathi eya edolophini eDutywa, nekunyanzeleka ukuba bagwegweleze xa besiya edolophini.

Abahlali bakwakhalazela ukungabikho kwamanzi, indlela kwakunye nombane.

Kwilali iKrweqeni ephezu komlambo uMbhashe kuMbonde, I’solezwe lesiXhosa ngethamsanqa lazibonela lifika kukho amakhosikazi amabini ehlamba impahla emlanjeni, esithi abanayo enye indlela kuba oompompi baneminyaka emihlanu bafakwayo bengazange nangosuku olunye baphuma amanzi, koko bafana nabahombisileyo.

uJungqana Joyini ongusibonda kwilali eKrweqeni ehlamba impahla eca kobuhlanti kumzi wakhe, ebalisa nangentsokolo abanayo ngamanzi nombane-Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Bayiva ngembali le nto kuthiwa yinkululeko kuba abanayo into abanokuyincoma, kodwa besithi bayaqhubekeka nokuvota kuba behleli ethembeni.

La makhosikazi ebalisa ngentsokolo yawo, athi amanzi awakha nakathathu ngosuku kuba asetyenziswa ekuphekeni, ekuseleni nasekuvaseni abantwana kusasa xa besiya esikolweni. Wona umzi onomsebenzi kuye kufuneke uqeshe iidonki ngemali ukuthutha amanzi apha emlanjeni.

Kwakule lali iKrweqeni abanawo umbane, uMasipala uMbhashe wabafakela iisola zokutsala umbane ngelanga. Iisola ezo bathi ziyabiwa, ezinye zimoshakale isuke ingatsali, nekunyanzeleka ukuba bayokutshaja iifowuni zabo kwilali engaphezulu.

Bakwadiza ukuba uceba owayekho ngaphambili wababuza ukuba umbane bazokuwenzani kuba uhleli umka ucimacima kwaye nenyama yakhe iyabola ngoku enombane. Abahlali bathi baphendula uceba wabo ngelithi nabo bafuna ukubona xa bebolelwa ziinyama nabo.

Itshantliziyo laseXhobo kuMbonde, utata uKukhonyakwenkukhu Masekwana (76) nobebonisa eli phephandaba iingxaki ezijongene nala mmandla, uthi kuninzi abakhala ngako kangangokuba akazazi nokuba xa urhulumente enokuthi yeyiphi eyona bayifunayo, abayazi ukuba bangaqali ngeyiphi kuba zonke zibalulekile kwaye zikwaluncedo.

Uthi uceba okhoyo omtsha uyayazi kwaye nababekhona ngaphambili bemke beyazi abenza nto futhi ngalo nto.

“Ke lo nto siyaqhubekeka sivote kuba sinethemba lokuba utshintsho luza kude lube khona, kodwa hayi ngowesine lo uceba akukho kwatshintsho. Sibadala sibangaka abanye bethu abanabafazi siyaziphekela phandle, kwaye siyazikhelela amanzi emlanjeni,” utshilo uMasekwana.

IBhodi yaseKrweqeni, utata uChankca Dubedube, uthi kunzima kakhulu kwindawo yabo kwaye urhulumente uyayazi ukuba bayasokola koko akukho nto yenzekayo. Uthi iindibano bayazibamba bengabahlali ngeenzame zokuza nesisombululo kodwa iindibano ezo azibuyi neziphumo ezibambekayo.

OnguSibonda kula mhlaba, utata uJungqana Joyini, naye uyinabise yanjalo imeko abaphila phantsi kwayo.

Eyona nto iphambili ibe yibhulorho ebenza bagwegweleze xa besiya edolophini eDutywa, nathi yophuka phakathi kwaye zange ihoyakale bhulorho leyo eyayibenzela ubom lula. UJoyiya uthi bayazibamba iindibano noceba omtsha ongenileyo bengaqali kuba nabangaphambili babezibamba kungabikho nto icacayo.

Kusenjalo, kwilali yaseZintakumbeni eBhojini kwidolophu yakuGatyana, nayo ephantsi koMbhashe kuwadi 23, uceba nguLulamile Khumelwano, eyona nto iphambili abahlali abayikhalelayo kukonela kwabo ekuthwaleni imizimba yabangasekhoyo ngezandla kuba kungekho ndlela ingenayo kule lali. Kwividiyo ebonwe leli phephandaba kwinyanga ephelileyo, ootata asele bekhulile kwakunye nabafana bebethwele entloko umzimba womama obeyokungcwatywa. Iimoto zabangcwabi zima ngaphezulu endleleni kuba azikwazi ukungena ngaphakathi elalini.

UMam’ uXoliswa Gogwana waseZintakumbeni uthi ubambi umbono kuba amadoda athwala ngezandla izidumbu kwaye nezixhobo zokwakha ziyawa zimoshakale kukuhamba zisothulwa esithubeni kuba iimoto zingakwazi ukungena. Abagulayo bayaxwaywa okanye balayishwe kwikiliva ukuya endleleni yemoto.

Uthi uceba uyayazi le ngxaki bajongene nayo.

USibonda, uTat’ uNogada Bawuti uthi ekhathalelweyo indlela yeya esikolweni kuphela, le ingena elalini eZintakumbeni ayihoywa. Uthi uceba kwakunye neNkosi yendawo bayayazi le ngxaki.

“Impilo asinayo ncam kuba sibadala kodwa kuye kunyanzeleke ukuba sincedise ekothulweni komzimba. Nathi kunzima ukwehla ngenyawo ube uphethe iiplastiki usuka edolophini,” utshilo uBawuti.

Utata welali uNagethi Vetmani uthi ukuba bebengazalelwanga phaya ngebefuduka kula ndawo, kodwa kuba ooyisemkhulu nootata babo bengcwatyelwe kule ndawo kunzima.

“Apha phezulu kule ndawo inendlela seyaphela indawo asinokubasafuduka. Sibila sibe manzi ukonyuka pha, sifika izifuba seziphezulu kuba akukho nezi mpilo kuthi kuba sesibadala. Makasibonelele urhulumente noko sibadala ngoku, sifuna ukushiya kwabangasemva kungcono,” utshilo uVetmani.

Kummandla waseXhobo kuMbonde abahlali bacela nebala lezemidlalo into eza kugcina ulutsha lunento yokwenza kwanokulukhuthaza lungazibandakanyi kwiziyobisi nolwaphulomthetho.

Eli nqaku liza kubuya kwakhona kwiveki ezayo nempendulo yoMasipala weSithili iAmathole.