iTS Galaxy neGolden Arrows zabelene ngenqaku eMbombela Stadium

Emva komdlalo obuseMbombela Stadium kwiphondo laseMpumalanga, iTS Galaxy ayikabethwa nakanye kule sizini. Oku kwenzeka emva kokuba iTS Galaxy ibambene ngegowuli elinye macala (1-1) neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership emalanga namhlanje. Amakhwenkwe kaDan Malesela ahlasele kuqala emdlalweni.

Bekufanele aye afumana igowuli emzuzwini wesibhozo, akubanga njalo ngoba usompempe akalivumanga igowuli likaKhaya Shozi elinqandwe nguNkosinathi Sibisi emgceni. Nelakhe uMandla Ncikazi iqela lizamile ukuhlasela – kodwa yala iTS Galaxy emva. UKnox Mutizwa, oqale umdlalo namhlanje, ukhabe ibhola embi echithwe nguGiven Msimango phambi kukaKarabo Tshepe unyanzele unozinti weGolden Arrows enze adume ngazo ngomzuzu wamashumi amabini anane.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela esaqengqa iqanda. Emva kokunikwa amaqhinga amatsha okudlala ngabaqeqeshi, amaqela abuyele ebaleni kwesesibini isigaba somdlalo enomahluko. UPule Mmodi ufake igowuli laBafana Bes’thende emva kwempazamo eyenziwe nguGerald Modisane endaweni embi. Lilwile iqela likaMalesela lade lavuzwa ngebhola efakwe nguMogaila.

Omabini la maqela akakaphulukani namnye umdlalo kwemihlanu ayidlalileyo kule sizini. Abafana Bes’thende, abaphantsi kwesandla sikaNcikazi emva kokuhamba kukaSteve Komphela, basathe chu kakuhle. Bahleli kwindawo yesithandathu, banamanqaku asixhenxe emva kokudlala imidlalo emihlanu. Nayo iTS Galaxy ayikabethwa futhi inamanqaku alingana naweGolden Arrows.

Galaxy: Van der Linde, Bodibe, Msimango, Modisane, Seedat, Nduli, Aubaas, Tshepe, Khayelihle, Mbatha, Lekay

Amalalela: Heugh, Mokoena, Munyai, Matlala, Mbunjana, Ndlovu, Mogaila, Nyama, Macuphu.

Arrows: Masuluke, Makume, Jampies, Shozi, Sibiya, Patjie, Masiya, Mosele, Monama, Mgaga, Makgopa.

Amalalela: Gebhardt, Amoojee, Seema, Bowali, Mbulu, Dickens, Mahlonoko, Phir Jnr, Chipezeze.

Arrows at number 6 with 7 points after 5 games. TS Galaxy at 8 with 7 points.