Ityelele ekhaya intshatsheli yamanqindi

Intshatsheli yodidi lwempukane eMzantsi Afrika, uLunga Sitemela, ephelekwa ligqiza labaqeqeshi nabaphathi bakhe, utyelele ikhaya lakhe eliseDordrecht kuMasipala waseMalahleni.

Injongo yolu tyelelo ichazwe ukuba ibikukufumana ithuba lokukhuthaza ulutsha kwiinzame zokulwa neengxaki ezambethe ulutsha kule mihla.

Enemincili ngokutyelela kwakhe eDordrecht, Sitemela uthethe wathi: “Ikhaya likhaya, ngenxa yendlela endisokole ngayo ekukhuleni, ndabona ukuba umdlalo wamanqindi ngowona undifaneleyo ukuze ndikwazi ukufezekisa amaphupha am,” kucacisa uStemela. USitemela utyelele ekhayeni lakhe ephelekwa ngumqeqeshi wakhe uAllan Dillon kwakunye nomnikazi wenkampi yamanqindi ezinze eKapa naphantsi kwayo uEmily Bryce.

Uninakazi kaSitemela, uNuntuthuzelo Yawa, uvakalisa imincili yakhe ngokutyelelwa kwabo yile ntshatsheli yamanqindi.

“Ukhulele kum lo mfana unguLunga, unina eseKapa, unditsalele umnxeba ngomnye unyaka endixelela ukuba uxakeke kukudlala amanqindi, nguye yedwa ophume emagqabini kubantakwabo, abantakwabo abafani naye,” kutsho uYawa.

USodolophu waseMalahleni uNontombazana Koni wamkele eli gqiza ngokusemthethweni eDordrecht.

“Ukuba umntu ophuma kwidolophana efana neDordrecht kuMasipala waseMalahleni angaphumelela ngolu hlobo, lo nto inika ithemba kubantwana abasakhulayo, sinqwenela ukuba abantu abatsha bakhuthazeke, sikwavuyiswa nakukubona abaqeqeshi nabaphathi bakhe bethatha inxaxheba ukuxhobisa ulutsha,” kutsho uKoni.

Ukanti umqeqeshi kaLunga Sitemela, uAllan Dillon, naye uvakalise amazwi ochulumanco lolu tyelelo.

“Esi sisiqalo sokusebenzisana nani, sidinga inkxaso yenu nathi rhoqo xa sinomlo, thethani naye uLunga kumakhasi onxibelelwano anicebise. Kufuneka ngenye imini intshatsheli elandelayo yeli bhanti likaLunga iphume apha kuni,” kutsho uDillon.

UDillon ukhuthaze ulutsha ukuba luhambele kude neziyobisi ukuze luyibone impumelelo yalo. Ukusukela ngonyaka ka2016 uSitemela ulwe imidlalo elishumi elinesihlanu waphumelela elishumi elinesine.

Amakhwenkwe afana noSibusiso Zingange, Prince Ndlovu, Wilson Masamba ayazazi izithonga zale nkwenkwe yaseDordrecht. Umdlalo wakhe omnye angazange awuphumelele wayejijisana noMohammadkhuja Yakubov.

Idolophu yaseDordrecht yasungulwa ngonyaka ka1856, isungulwa yindoda yeJamani egama linguBaron Smiddorf. Iyaziwa ngengqele nanjengoko izinze kufutshane nentaba yaseLukhanji. Indlala nentswelangqesho zezinye zempawu eziphambili kule dolophana. Uninzi lolutsha lwaseDordrecht lushiya amakhaya lusiya kukhangela amarhewu aluhlaza kwezinye iidolophu yonke imihla. Iivenkile zokutya kwakunye negaraji enye zezona ndawo ziqesha abo bangavumiyo ukushiya amakhaya abo. Eli gama layo lithi Dordrecht lathathwa kwigama ledolophu ekumzantsi-ntshona welizwe laseNetherlands.