Kugetyengwe umama nabantwana abahlanu kwaduka nomyeni wakhe

 

Uluntu lwelali yaseDabekweni, eMqanduli, lushiyeke lubambe ongezantsi ngentsasa yangoLwesithathu emva kokubhaqwa komama (42) ebhubhile kwakunye nabantwana bakhe abahlanu omnye wabo unenyanga ezintandathu kuphela ezelwe.

Esi sihelegu sokugetyengwa kwabantu senzeke ebusuku ngoLwesibini, begetyengwa ngabantu abangaziwayo nekufikwe izembe ekukholelwa ukuba bebexhaxhwa ngalo lingakubo.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadeir Tembinkosi Kinana ithi oomakhelwane babize amapolisa emva kokuqaphela ukuba kukhona okwenzekileyo kweli khaya. Ukufika kwamapolisa kwikhaya lesehlo, bagagene nemizimba emithandathu sele ibanda kukho nosana kuyo.

UKinana uthi iziphumo ezingqonge oluphando zidiza ukuba umyeni udukileyo yinzalelwane yelizwe laseZimbabwe kwaye akaziwa apho akhoyo kuba akakho nasekhayeni.

Okwangoku akukabanjwa mntu kwaye amapolisa akhangela umyeni kuba ekholelwa ekubeni angancedisa amapolisa kuphando.

UMkomishinala wamaPolisa, uNjengele Liziwe Ntshinga, usichaze isehlo nje ngesihambisa umzimba. “Kanye xa kuqala iintsuku ezilishumi elinesithandathu ezijongene nokulwa ubundlobongela kwanokuphathwa gadalala kwabantwana namanina kodwa sikwazi ukuvuka kwindaba ezibuhlungu kanje nezothusayo. Nokuba ngubani onesandla koku, uza kubanjwa kwaye umthetho uza kwenza indima yawo.”

Nabanina onolwazi malunga nesi sihelegu kwanomyeni apho akhoyo, uyabongozwa asebenzisane namapolisa eze ngaphambili nolwazi uza kukhuselelwa. Okanye atsalele le nombolo: 08600 10 111/ 082 301 76 99.