‘Nank’ uBhodlindlala’

Ungangeni Andinxibanga :Simphiwe Nolutshungu

Elizweni jikelele oomalume aba badume ngemfudumalo nobubele obungambatshiyo, kodwa ke hayi owam uBhodlindlala, ububele ke kuye liphupha eliqelele kakhulu kwaye elifuthela kude kakhulu.

Ndimthanda xa ekupha imali, eyikhupha kwitasi yakhe, ufike ekuzela ngomva atsho ke ngolo donga lomqolo, likusithe utsho ungaboni nethinzi elo letasi okanye imali leyo uyiphiwayo kodwa ke wonyamezela kuba kaloku ungulowo ukhongozeleyo, kaloku kunjalo ukungabinanto kweli lona ilizwe, uyakunyamezela ke oko kusithwa kuza nezo peni. Phofu abe lo ukuphayo embombozela into ongayivayo, esolula isandla eso sifumbethe loo mali leyo.

Kodwa ke noko akubanga kakhulu, kuba ukhe abe namaxesha okuba yimvuzemvuze, ingakumbi xa ebekhe waphunga nezo hlobo zakhe, hayi ke noko ububele bakhe buvele buvuzise izinkcwe kukurhaleleka, umbone ukuba buyamsinda phofu bukwamxakile, bumxake laa nto igqithisileyo torwana.

Hayi ke xa ebekhe wafumana impunga yakhe, nditsho nemali le imbala iyazigqatsa ukuphuma oku kwayo etasini, ungafunga uthi ileqwa ziimpuku ukubalekela ngaphandle ke kwetasi leyo.

Atshambaze ke owam umalume phofu ekhwazela ukuba angaviwa nasemaZulwini ukuba ukupha imali leyo, ufike ke ekulobela amehlo abantu obaziyo (nobazibulayo). Usuke uzibone ezandleni zamehlo abantu bonke.

Ndiyakuxelela eyaloo mini ke uya kuyifumana uve shuu nonkantsi ndolule.

NguBhodlindlala ke lo, owam yena umalume, uBhodlindlala ubhuti kamama wam ke lo sana lwam.

Ugcisa de agciyisele naye isiqu esi sakhe. Ude axolele ukubhodla indlala kunokuba angene etasini ukugxotha indlala ke leyo

Hay ke oontanga bakhe neentombi zokuncumisana naye zibutha nje ziteleke kuba owam torhwana akatsitsi nto kwaphela tu.

Xa eza kuvimba ke umalume inye into akupha yona ngamandla angashiyi nesuntswana ke eli.

Uye akuphe uncumo lwakhe lonke phofu ke lukhatshwa kukumana ekubethela iliso lakhe lasekhohlo.

Ngowam umalume ke lowo, xa kunjalo ke ubozazi ukuba ufikile ke kuye apho ububhalele khona.

Mhle ke umalume, ubunjiwe apha kurhesi torwana.

Mna ndiqale ngomalume ukubona ukuba kanti indoda le nayo ikhe ibenezinxonxo kanti, nditsho nangoku ayikho enye endakha ndayibona ngaphandle kwakhe, umalume wam uBhodlindlala.

Lo nto ingathi ndode ndimnabele uqaqa engekabikho ofana naye ngobuhle.

Evimba enjalo nje ke umalume wam kodwa esakhe isisu usithanda akaziva tu.

Akaphoswa mcimbi apha ekuhlaleni nokuba ngumngcwabo okanye imicimbi nje yonke jikelele, usoloko elapho ke injongo ephambili kuye kukuba afumane into yoshukumisa iintshebe, asibethe isisu sibe bomvu, kube nzima nokuphefumla kukuhlutha oku kuye.

Hayi ke xa esiya ethekweni okanye emngcwabeni ungafunga uthi uya empangelweni, andithethi ke ngesinxibo kuba uye azitsho ngesuti ebiza amehlo, atsho ngetayi elithi ndijonge nomnyengezwana ke okhedame kamnandi kuloo bhatyi yakhe, butsho ubutitshala bakhe bakudala buphefumlele phezulu kakhulu butsho ngezingqi ezithi makajongwe.

Kaloku engekakhanyelwa bubom obu lo mfo lo wayeyititshala ephum’ izandla uSir ‘Bhoks’ batsho xa bembiza abamthandayo ke umalume lo.

Ilishwa lakhe, ubomi bakhe basuka bakhokelwa yibhekile, hay ke suke kophuka izinto de nobomi obu bakhe nabo bophuka de bakruneka ke kwabuhlungu banje xa kunamhlanje.

Umbone ke xa ekhumbula ezo ntsuku zakhe, wofika ekhedame kabuhlungu de acele nakule yabantwana maxa wambi.

Akalili kuphela ke xa ekhathazekile, kodwa maxa wambi naxa ulonwabo lwakhe luyinkitha okanye xa athi onwabe kakhulu, uya kumbona ngokumana elila, ungacinga uva kabuhlungu kanti usindwa lulonwabo lodwa.

Ikwangumalume wam ke owandifundisa ukuba xa ndiziphakela inyama mayilale ngaphantsi kokutya.

Iyaba kukuqava komntu lowo ke ukuhlaba ngecephe ukuhlela ngezantsi esityeni eso.