Tshepo Motsoeneng: IPondo Chiefs iza kuguqula ubomi eMbizana

Umqeqeshi weBizana Pondo Chiefs, uTshepo Motsoeneng, uthi impumelelo ezuzwe liqela lakhe kwiveki ephelileyo iza kuguqula ubomi babantu eMbizana. Oku ukuthethe emva kokuba iPondo Chiefs yenze imbali ngokuba liqela lesibini elinyukele kwiGladAfrica Championship. Iqela laseMampondweni liye kwimidlalo yamaqela aphume phambili kwi-ABC Motsepe League kwamanye amaphondo.

Aye athelekiswa kwiphondo laseGauteng ukuze afumane ithuba lokulwela ukuya kwiGladAfrica Championship ephantsi kwePSL. IPondo Chiefs ziintshatsheli ze-ABC Motsepe League emva kokubetha amaqela afana neMangaung United, Umvoti United, iMikhado FC nePretoria Callies ngo’5-4 kumapenela eVaal University Stadium. Eli liqela ekuphela kwalo kwiGladAfrica apha eMpuma Koloni, lingena emva kweminyaka embalwa kuphume uMthatha Bucs – owoyisakalayo ngenxa yokungabikho kwenkxaso kwicala lezimali.

“IPondo Chiefs iyatshintsha; siseza kuyibona ikhula,” utshilo uMotsoeneng ethetha kwiMetro Sport. “Zange ndibabone abantu abaninzi njengabasamkeleyo ukufika kwethu. Abantu baseMbizana basibonisile indlela abayithanda ngayo ibhola, abadala nabatsha. Inkulu le nto, ayikho ngebhola kuphela. IPondo Chiefs iza kuguqula ubomi babantu noqoqosho eMbizama. Kuza kuphuculwa iindlela kanti kuninzi nokuza kwenzeka kwicala lokhenketho,” utshilo uMotsoeneng, oncede iPondo Chiefs emva kokufika kuyo phambi kokuphela kuka-2019. Umncomile umphathi wakhe ngelithi bayaqondana futhi uyayimamela into ayithethayo.

“Ndafika iPondo Chiefs ikwindawo yesixhenxe. Kwathiwa mandiqinisekise ukuba kukho uzinzo eqeleni. Ndathi kuye usihlalo, kufuneka sibe nesicwangciso siphumelele nemidlalo ukuze iqela liye kwiGladAfrica,” utshilo uMotsoeneng, oyigushileyo imincili yakhe emva koloyiso.

Noxa kungekacaci indawo eza kudlalela kuyo iPondo Chiefs ngenxa yokungabikho kwebala elisemgangathweni, iMotsoeneng uthe uza kuqinisekisa okokuba uyabakhusela abadlali bakhe abancede iqela. “Ndifuna ukubakhusela abadlali bethu ngoba kuninzi okulindelwe emakhayeni wabo. Ewe, bangakhona abadlali abambalwa esibonjezayo – kodwa ndifuna ukuthetha nosihlalo wethu kuqala ngalo nto,” uvale ngaloo mazwi uMotsoeneng.