UBroos uyafuneka kwiCosafa

INDEBE yeCosafa, nekulindeleke ibanjwe eThekwini ekupheleni kwenyanga yeKhala ibonwa njengebalulekileyo ekuloleni italente yabadlali abaseze ngobuso nabaza kudlalela iBafana Bafana.

Umqeqeshi uDavid Notoane nguye ekulindeleke akhokele eli qela. Noxa eli qela laBafana linabadlali abaselula kakhulu, kodwa kuye kufakwe amagqala amabini ukuze ongeze amava nobunkokheli.

Ukanti okona kuxhalabisayo kukuba oyena mqeqeshi bekufanele ukuba ukhokhela iBafana Bafana kule tumente ngumqeqeshi uHugo Broos, hayi okaNotoane. Susela ekuqaleni kwakhe ukuqeqesha iBafana, uBroos wakubeka kwacaca ukuba ukholelwa kubadlali abaselula. Oku ukubonakalise kutshanje ngethuba amagqala afana noThemba Zwane kwakunye noAndile Jali betyiwa lizembe kweli qela.

Noxa uNotoane ehlonitshwa njengomqeqeshi kodwa uluvo lwabaninzi lelokuba uBroos bekufanele nguye otsala imikhala kweli qela njengoko yena noNotoane besohluka ngokwezimvo ekuqeqesheni. Uninzi luthi oku kungabaphazamisa abadlali kwimidlalo ezayo.