UCaster Semenya ubhenela enkundleni yamalungelo oluntu eYurophu!

Imbaleki yelizwe loMzantsi Afrika eyaziwayo, uCaster Semenya, ibhenele enkundleni yamalungulo oluntu yaseYurophu (European Court of Human Rights) – apho inethemba lokuguqula isigqibo esathathwa yiWorld Athletics emva kwezikhalazo zezinye iimbaleki. Kwiminyaka egqthileyo, umbutho olawula iimbaleki kwihlabathi wathatha isigqibo sokukhupha iimbaleki ezinamadlala anencindi azinika amandla kunezinye iimbaleki emidyarhweni ethile.

USemenya ngomnye wezo mbaleki ekwagqitywa kwelokuba zisebenzise amayeza okuthoba amandla, zenze utyando okanye ziyeke ukuthatha inxaxheba kwimidyarho ethile. Akazange ayamkele lo nto uSemenya oneminyaka esilwa ukwamkelwa kwihlabathi elazama ukumenza ikheswa kwiminyaka eliqela eyadlulayo. Ukuchasile ukusebenzisa amachiza uSemenya. Uthi ihlabathi malimamkele ngendlela adalwe ngayo. Kangangokuba wafunga ngelithi uza kulwa ide ishenxiswe imithetho engenabulungisa yombutho weembaleki zehlabathi.

Inkundla yezibheno yaseSwitzerland (Swiss Federal Tribunal) yasikhaba isicelo sikaCaster Semenye sokuguqulwa kwemithetho yeWorld Athletics, ngoku uya kwenye. “Sizimisele ukusa iWorld Athletics kwinkundla yamalungelo oluntu eYurophu,” itshilo ingxelo ekhutshwe nguMnu. Greg Nott, oligqwetha likaSemenya. Akukacaci ukuba yinto eza kuqala nini na leyo – kodwa uqinisekisile ukuba linyathelo abaza kulithatha.

“Sisenalo ithemba lokuba iWorld Athletics iya kuyibona impazamo eyayenzayo irhoxise nemithetho ethintela ukubaleka kukaSemenya kwimidyarho ethile kwihlabathi,” utshilo uNott. Yona iWorld Athletics imile kwelithi imithetho yayo isemthethweni futhi ifanelekile ngoba ifuna ukuqinisekisa okokuba iimbaleki zinikwa amathuba alinganayo. Ngoku uCaster Semenya ibaleka imigama efana ne-200m engaqanyangelwanga yimithetho yeWorld Athletics. Wona umbutho weembaleki eMzantsi Afrika (ASA) usamile kwelokuba uSemenya uyaya kwimidlalo ye-Olimpiki ekunyaka ozayo.