UDiego Maradona, umanqanqa womdlali webhola ekhatywayo, uyibekile inqawe namhlanje ekhayeni lakhe!

Igqala lebhola ekhatywayo lelizwe lase-Argentina, uDiego Maradona, liyibekile inqawe namhlanje. Ukunduluka kukaMaradona, 60, emhlabeni sekuqinisekisiwe ngumbutho olawula ibhola ekhatywayo e-Argentina. “Sithi masivakalise ukukhathazeka kwethu ziindaba zokubhubha kwegqala lethu uDiego Maradona. Uyakuhlala esezintliziyweni zethu,” itshilo ingxelo ekutshwe kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, egameni likaMongameli wombutho webhola e-Argentina, uMnu. Claudio Tapia.

Ingxelo yamajelo eendaba ithi igqwetha lakhe uMaradona livumile ukuba unobangela wokusweleka kwakhe yintliziyo emhlasele esekhayeni lakhe. Esweleka nje uMaradona ebeneeveki ezimbini ekhululwe esibhedlele – apho aye wenziwa utyando engqondweni ekususwe kuyo ihlwili.

UMaradona waziwa lihlabathi lonke ngokudlala ibhola kwaye uyakuhlala ebonwa njengomnye wabadlali abangomanqanqa ebholeni ekhatywayo naphakade. Esengumdlali, uMaradona udlalele iqela lesizwe lakhe imidlalo engamashumi alithoba nanye afake kuyo amagowuli angamashumi amathathu nane. Kodwa abaninzi bamkhumbula ngegowuli elanika iArgentina iNdebe yeHlabathi ngonyaka ka-1986.

Amaqela aziqaqambise kuwo ngethuba esengumdlali aquka iArgentinos Juniors, iBoca Juniors, iFC Barcelona, iNapoli, iSevilla neNewell’s Old Boys. Ngethuba uMzantsi Afrika usingathe itumente yehlabathi (2010 FIFA Wold Cup) ukhe wanyathela kwaye uyile emazweni amaninzi esebenzisana neFIFA. Ukhe wabamba njengomqeqeshi weqela lesizwe lakowabo ithutyana.