UDylan Kerr ukhonjiswe umnyango namhlanje yiBaroka FC

Akukapheli nenyanga isizini yeDStv Premiership iqalile – kodwa sekukho umqeqeshi osele ephulukene nomsebenzi wakhe. Ekuseni namhlanje, iBaroka FC ikhombise umnyango umqeqeshi wayo uDylan Kerr awayengene ngawo mhla wayefika. Abaphathi beBaroka bamnqumamisa umqeqeshi wabo kwinyanga ephelileyo ngenxa yeentetha ezigwenxa awazenza ngethuba amaqela evalelwe enkampini ebiseGoli ngethuba iPSL isonga imidlalo yesizini ka-2019/20 ebikhe yaphazanyiswa yikhorona ukusukela eKwindla kulo nyaka ka-2020. Ingxelo ithi inkqubo yoluleko iqale ngoMvulo wale veki. Isigqibo sokumgxotha sisukele kuloo nkqubo.

UKerr, obekhe waqeqesha neBlack Leopards kwisizini ephelileyo, wenze indima ebonakalayo ngethuba esindisa iBaroka ezembeni kwisizini egqithileyo emva kokutsala nzima. UThoka Matsimela, obebambele njengomqeqeshi, oko kuqale isizini ngoku iza kuba nguye umqeqeshi osisigxina. Iyiqale kakuhle kekambe isizini iBaroka. Emva kwemidlalo emithathu, sele iphumelele imidlalo emibini yadlala ntanganye komnye. Ihleli kwindawo yesibini kwaye ibambene neMamelodi Sundowns ekwindawo yokuqala ngamanqaku asixhenxe.