UKhangelwa unkenteza kamnandi ezindlebeni zabathandi bebhola

Nangona esenza umsebenzi ojongelwe ukwenziwa ngamadoda, umsasazi webhola uKhangelwa Bomvana uzingqina njengomnye weentandane kubaphulaphuli besikhululo Umhlobo Wenene FM.

Ulwazi lwakhe lomdlalo luchanekile kwaye lugcina umphulaphuli ngamnye ethe ncaa kwithotholo lakhe xa ebhexesha umdlalo nalapho athi aveze iintlantsi zobuciko nothando lolwimi lakowabo.

OkaBomvana yinzalelwane yaKuNtlalontle eCacadu (Lady Frere). Uthe wazibalula ekudlaleni ibhola ekhatywayo yamanina, ekwangumqeqeshi aphinde abe ngunompempe xa ithuba livuma.

Ngethuba ekhula elalini wayethanda ukudlala ibhola namakhwenkwe apho afunde khona ukuzimela, etyhiliza iziseko ezicalula abantu ngokwesini. Ngoku uqhubeka esenza oko ngokumela indawo yakhe kwezosasazo lwebhola ekhatywayo.

“Ndijongana nomngeni omkhulu njengomsasazi obhinqileyo njengoko nisazi ukuba lo msebenzi isikakhulu wenziwa ngamadoda,” uyacacisa.

“Kodwa amava endinawo njengomqeqeshi, umdlali okanye usompempe andenza ndikwazi ukuvakalisa izimvo zam ngaphandle kwedyudyu.”

Abaqeqeshi bakhe ebholeni bamkhuthaza uBomvana ukuba angene kumaqela adlala kumgangatho ophezulu ngethuba eze kufunda eKapa eMasibambisane High School eDelft.

“Ndajoyina iqela lamantombazana elibizwa ngokuba yiCity Lovers ePhilippi apho ndafunda okuninzi, ndazibona ndingumdlali ongcono kunakuqala,” utsho uBomvana.

Uthe akumka eDelft wazibandakanya nePortia FC yaseKhayelitsha apho wadlala indima enkulu ekutyhaleleni eli qela ukuba lifike kwizigaba zokugqibela zeCoca Cola Cup.

Emva koko wazimanya neqela iSiyadlala FC laseHermanus elalidume kakhulu ngelo xesha. “Saphumelela iindebe eziliqela apho kodwa ndavuyiswa kukuwina iMayoral Cup.”

Uqhubeke efunda ngezemidlalo logama efumana iziqinisekiso zokuba ngusompempe nomqeqeshi emva kokwenza iSports Administration and Coaching Course. Uphindile wenza izifundo Human Resources Management eCape Peninsula University of Technology.

UBomvana uqeqesha iqela ebesakulidlalela iPortia FC.

Ngo2013 wangenela ukhuphiswano lokusasaza olwalubanjelwe eGqeberha waze wangomnye wabachongwayo ukuze bafumane uqeqesho lokusasaza.

“Ndanikwa ithuba lokuba ndisasaze umdlalo owawuphakathi kweAjax Cape Town neOrlando Pirates eAthlone Stadium ngo2014,” ubalisa atsho.

Eso sakhono sokusasaza samnceda kuba ngowe2015 wakroboka usikrotyana nto leyo eyamyekisa mpela ukudlala ibhola.

UBomvana ukhule ebukela abasasazikazi bemidlalo abafana noCarol Tshabalala noKass Naidoo, ekwaphulaphula nooxholovane bosasazo abafana nooZingisile Mathiso ongasekhoyo, Mthura Scott noZolani Bongco – asebenza nabo kungoku nje.

“Ukuba ngomnye wabasasazi bebhola kunomathotholo bekungelula tu kuqala kuba uninzi lwabantu bebengayiqhelanga lo nto.

“Abanye bebethethela nempazamo enye encinane oyenzayo kodwa xa isenziwa ngumntu oyindoda bayibethise ngoyaba.”

UBomvana uthi kubalulekile ukuba abasetyhini bazithande ezemidlalo, bazifundise imithetho yebhola okanye nawuphina umdlalo ukuze xa befuna ukungenela ubusasazi bangasokoli.

Okwangoku uBomvana sele esasaze imidlalo yeCAF Champions League apho iMamelodi Sundowns yaphumelela le ndebe ngo2016, wabhexesha iinkqubo zemidlalo yeUEFA Euro kunye neAfrican Cup of Nations yalo nyaka.

Ukanti ngo2014 nango2018 ube semva komboko kwiFifa World Cup, iNedbank Cup , iTelkom Cup, ABC League, iSasol Women’s League Cup kunye neTwo Oceans Marathon neCape Town Marathon.

Unethemba lokuba ngenye imini anganikwa ithuba lokusasaza kumabonakude kwaye unomnqweno wokwenza umbutho oza kujongana nophuhliso lwamantombazana.

“Ndilapha nje ziingcebiso zoogxa bam abafana nongasekhoyo uLoyiso Sitsheke nomqeqeshi uMluleki Ntsabo, abaqeqeshi bam uPumzile Bika noNkululeko Nofotyo – bonke badlale indima yabo kum. Andingemlibali utata wam ongasekhoyo uPoko Bomvana obethanda ibhola, inokuba ujongile apho akhoyo emana ngokunqwala ngovuyo.

Emva komboko uKhangelwa Bomvana.