UMabasa uhlangule iPirates isengxakini emdlalweni weDStv Premiership

Iphuncuke emlonyeni wengonyama namhlanje i-Orlando Pirates ehlangulwe nguTshegofatso Mabasa ongene kwisiqingatha sesibini somdlalo. Ukuba ibiphumelele, iPirates ngeyihleli kwindawo yokuqala – kodwa akubanga njalo emva kokuba ibambene ngegowuli elinye macala (1-1) neBaroka FC ebizimisele kakhulu kwisigaba sesibini emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium.

Amaqela omabini awuqale umdlalo ngezinga eliphantsi, akothusanga oko ngoba belingekho elifuna ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni. Unozinti wePirates, uRichard Ofori, uchithe ngezandla ibhola embi ebikhatywe nguThammsanqa Masiya. Akukho ngozi unozinti weBaroka athe wadibana nayo ngaphandle kokonzakala okungephi akhe wakufumana. Khange kubekho mathuba acacileyo iPirates ekwazileyo ukuwadala njengeqela ebelidlalela ekhaya, lo nto yenze umdlalo awabinawo umfutho nangenxa yokungabikho kwamagowuli.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla kukho nalinye elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. UZakhele Lepasa uye wazama ukukhabela u-Oscarine Masuluke ezipalini – kodwa ibhola yakhe ayizanga nanto. Omabini amaqela azamile ukudlala umdlalo owahlukileyo kwisigaba sokuqala.

UPaseka Mako noSiphesihle Ndlovu bakhe bazama ukudibanisa iibhola eziye zaqhawulwa ngabadlali beBaroka abebezimisele kakhulu emva. Ibhakuzelise umnatha kuqala iBaroka nebhola ekhatywe ngu-Ananias Gebhardt eye yamunamunwa nguRichard Ofori. Kuye kwanyanzeleka uThulani Hlatshwayo noNtsikelelo Nyauza basebenze ngamandla emva koko ngoba abadlali beBaroka bebequqa okwezulu laseMthatha emdlabeni ka-Ofori.

Iinguqu ezenziwe nguJosef Zinnbauer zisebenzile ngoba iqela lakhe likwazile ukuzuza igowuli lokulinganisa elifakwe nguMabasa osebenzise ibhola ebisuka kuDeon Hotto. Ezimnyama ziphoswe lithuba lokuya kwindawo yokuqala emva kokungakwazi ukuphumelela namhlanje. Ngoku zihleli kwindawo yesithathu, emva kweSwallows ephezulu elandelwa yiMamelodi Sundowns. Iqela laseLimpopo lihleli kwindawo yesine, linamanqaku asibhozo emva kokudlala imidlalo emihlanu.

Orlando Pirates: Ofori, Hlatshwayo, Nyauza, Jooste, Mako, Zungu, Ndlovu, Mntambo, Makaringe, Dzvukumanja, Lepasa.

Amalalela: Mpontshane, Tshobeni, Maela, Monare, Makgaka, Hotto, Mabasa, Mhango, Jele.

Baroka FC: Masuluke, Makume, Jampies, Shozi, Sibiya, Patjie, Masiya, Mosele, Monama, Mgaga, Makgopa.

Amalalela: Chipezeze, Gebhardt, Amoojee, Seema, Bowali, Mbulu, Dickens, Mahlonoko, Phir Jnr.