USomizi ucima amadangatye kaMohale

USAZIWAYO uSomizi Mhlongo ude wathetha phandle emva kwethuba etyatyekwe izityholo zempatho gadalala ngumyeni wakhe uMohale Motaung.

Esi sibini sibe ngundabamlonyeni ngeCawa, emva kokuba uMohale evakele kudliwanondlebe olushicilelweyo olufunyenwe yiSunday World, etyhola umyeni wakhe ngokumxhaphaza beseneeveki ezintathu bethandana.

Namhlanje [Lwesihlanu], emva kokupapashwa kweendaba zokuba uSomizi uza kukhe athi xha kwiMetro FM, le jaji yeSA Idols, ikhuphe ingxelo ebhaliweyo kwikhasi layo lonxibelelwano ngelizama ukucima amadangatye abaswe ngumyeni wayo ngakuyo.

“Nakanye emaphupheni am ndakhe ndacinga ukuba ngenye imini kwakufuneka ndikhusele isithunzi sam ngenxa yomntu endimthande ngokungazenzisiyo nangokujulileyo, ezama ukuwisa isidima endisakhe kanzima,” kubhala uSomizi.

Uqhube wathi okona kubuhlungu kokokuba, abecinga ukuba iza kuba bubomi obuhle kuye nondofanaye wakhe akuyi kuba senzeka.

Indumezulu yomtshato kaSomizi noMohale yabonwa luluntu lonke oluthanda esi sibini nanjengoko yayisasazwe kumabonakude.

“Ngoku nibukele ukwahlukana kwethu ngenxa yezityholo ezingeyonyani nokungenelela kwabo bazibiza ngokuba ngabasondeleyo okanye banolwazi.”

USomizi uziphikile nezityholo zokuphakamisa isandla ngakulo mdlali weRockville, esithi akazange ambethe okanye amxhaphaze ngokwasemoyeni umyeni wakhe nangona eye wavuma ukuba babekhe banengxabano ekwanyanzeleka azikhusele kuyo.

” Sakhe sanengxabano enye nalapho kwafuneka ndizikhusele, kwaye sobabini sabambana eziqwini,” esithi akayi kuphuhla ngokwenzeka ngale mini, kodwa uMohale “akalilo ixhoba”.

USomgaga uphinde waziphika wama ngomlenz’ omnye iindaba zokuba wayekhe wazama ukumosha ikhondo likaMohale kwaneenzame zokuzimela ngokwasezimalini.

Malunga ngokumayelana nempilo yabo yasekamereni, uSomizi uthi oku “yindaba yakwamkhozi kwaye angathanda ukuyigcina injalo.”

Le mvumi ikwathi oku liyelenqe lokugqwalisa igama layo.

USomizi ukungqinile ukuba inkqubo yokuqhawula umtshato phakathi kwabo iyaqhubekeka kwaye iza kuqukunjelwa ngokungathathi cala.

Ukwathe uthabatha amanyathelo asemthethweni ukujongana ngqo nezityholo ajamelene nazo.