UThabo Rakhale uyibambe apho incinci khona iChippa United emdlalweni wanamhlanje eBhayi

Akonwabanga ncam uLehlohonolo Seema emva kokuba uThabo Rakhale, obekade edlalela iChippa United, elibambe apho lincinci khona iqela lakhe emdlalweni wanamhlanje. Ngokuqinisekileyo, iChippa United iza kukhalela amathuba engakwazanga ukuwasebenzisa emva kokubambana ngegowuli elinye (1-1) neTshakhuma Tsha Madzivhandila emdlalweni weDStv Premiership eNelson Mandela Bay Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Igowuli leChippa United lifakwe nguKapteni wayo omtsha, uAugustine Kwem, ongene endaweni kaVeli Mothwa othengiselwe AmaZulu izolo.

Nangani ihambe phambili kwisigaba sokuqala somdlalo, iChippa ayikwazanga ukuyicishilela iTshakhuma amathuba okwenza oko ekhona. Izilwele kekambe iTshakhuma kwaye ibikwazi ukungena kwiindawo eziyingozi kwiChippa United.

Unozinti weTshakhuma, uWashington Arubi, wenze umsebenzi omhle ezipalini encediswa ngoogxa bakhe emva. Kanti yena uLerato Lamola uphantse wayonzakalisa iChippa – kodwa ngelishwa lakhe, ifike uMlungisi Mazibuko ethe qwa ezipalimi. Emva kokuba iChippa yakhe iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili, uSeema ufake uSilas Maziya endaweni kaMaloisane Mokhele ngelizama ukuqinisa umdlalo weqela lakhe elingadlalanga ngendlela yalo ncam namhlanje. URakhale ufake igowuli lokulinganisa elivimbe iChippa impumelelo emva kokubethwa siStellenbosch kwiveki ephelileyo.

Yena uJoel Masutha ufake uJustin Shonga kwelakhe icala ozamile ukwenza iintshukumo. UBienvenu Eva Nga, obulele iMaritzburg United ngamagowuli amathathu ekuqaleni kwale nyanga, uphantse wayinika igowuli iChippa ekungeneni kwakhe emdlalweni ophele amaqela entanganye.

Chippa United: Mazibuko, Hanamub, Nhlapho, Mthethwa, Khooa, Labitso, Mokhele, Sibeko, Maloisane, Mogakwe, Kwem

Amalalela: Mtshali, Nkwewana, Maziya, Francis, Sekotlong, Cezu, Mbenyane, Rae, Eva Nga

Tshakhuma Tsha: Arubi, Lukhubeni, Ndengane, Ravhuhali, Nkili, Maphangule, Theron, Rakhale, Lamola, Manzini

Amalalela: Mhlongo, Thopola, Timm, Thangwane, Mphamaniso, Shonga, Mnyamane, Ngele