‘Ndisisicaka senu nina luntu’-Ramaphosa

UMFANEKISO : Mike Hutchings

UMongameli omtsha woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa uthi uxanduva alunikwe yiPalamente ngoLwesine, luthetha ukuba uzakuba “sisicaka soluntu” watsho ethembisa ngelithi akanakulala emqokozweni kuxanduva lwakhe.


URamaphosa ebethetha kwiPalamente yeSizwe eKapa ngoLwesine emva kokonyulwa ngokusesikweni njengoMongameli welizwe kulandela ukubeka iintambo kobekasuka nguMongameli uJacob Zuma.


Phantse onke amaqela ezopolitiko, ngaphandle kwe-EFF neCope, amnqwenelele okuhle kodwa uRamaphosa, ethembisa ukusebenzisana naye kuxanduva lwakhe olutsha.


Inkqubo yokonyulwa kukaRamaphosa ibikhokelwe yiJaji eyiNtloko uMogoeng Mogoeng.


URamaphosa uthi luxanduva angaluthabathi kancinci olu alunikiweyo.


 “Xa wonyulwe kwesi sikhundla, usisicaka soluntu ngoko ke ndithembisa ngokusebenza ngokuzimisela futhi ndikwathembisa ukuba asokuze ndiludanise uluntu lweli.”


URamaphosa ukwathe uzakusebenzisana namaqela ezopolitiko asePalamente “ukuze sifumane indlela yokunceda uluntu lwakowethu.”

Umbhexeshi weANC ePalamente uJackson Mthembu utyibele lo kaRamaphosa esithi: “Kudala usemzabalazweni. Siyayazi ukuba olu luxanduva alulungeleyo, ngoko ke sikhokele.”


Inkokeli yeDA uMmusi Maimane yena uthe: “Siza kuncedisa kwiinzame zakho zokukhonza abantu beli lizwe. Uxanduva lwethu kwakunye nawe, kukuhlangula abantu baseMzantsi Afrika ebugxwayibeni.”


UNarend Singh we-IFP naye ukwaqhwabele izandla uRamaphosa watsho esithi uyathemba ukuba uwulungele umngeni wokulwa nobuqhophololo.


UNhlanhla Khubisa weNFP yena uthe: “Uthatha kanye iintambo xa ilizwe likwimeko emaxongo. Masisebenzisane sisonke ukwakha eli lizwe.”


UHolomisa weUDM uthe: “Siyavuyisana nawe Matamela. Kuza kufuneka sifumane indlela yokujonga umqela osele wenziwe ukusuka kunyaka ka1994, sibone ukuba singalungisa ntoni phi.”


UMfundisi Kenneth Meshoe weACDP uthembise ngokumthandazela uRamaphosa.


URamaphosa kulindeleke ukuba afungiswe ngokusesikweni ngoLwesihlanu, ze aphinde enze intetho emalunga nobume besizwe kwangale mini. URamaphosa ukwanoxanduva lokonyula uSekela Mongameli omtsha welizwe.