Usisigculelo sezithuko ophila nogawulayo

UCHUKU nentiyo yamakhosikazi aseWhittlesea kunyanzeleke ukuba ixelwe kumapolisa ale ndawo emva kokukruquka kwenkosikazi yelali yale dolophu eyucwa ngamanye amakhosikazi ngenxa yokuba iphila nentsholongwane yesifo sikagawulayo.

Igama lale lali asinakulixela ukukhusela isidima sale nkosikazi nanjengoko ingezonjongo zayo ukuthiwa pa-ha kwemeko yempilo yayo.

Inkosikazi eneminyaka engamashumi amane (40) ikhale esimantshiyane ngethuba ibalisela I’solezwe lesiXhosa ngendlela ethe yaphatheka ngayo, ithukwa ngamakhosikazi amabini ale lali ngenxa yokuba iphila nentsholongwane yesifo sikagawulayo.

Le nkosikazi, etshate nendoda ebhujelwe ngumfazi, ithi iqale ukuba lixhoba lezithuko kwilali yayo ngenyanga kaCanzibe kulo nyaka.

“Mna nditshate nomyeni sele ebhujelwe ngumfazi, ngoku lo mama ungummelwane uyandibuza ukuba ndiyayazi na ukuba lo mfazi ubhubhileyo womyeni wam wayephila nentsholongwane yesifo sikagawulayo.

“Into endavele ndambuza yona ke mna kukuba babemvavanyile na igazi ukuze bazi ukuba uphila nentsholongwane yesifo sikagawulayo. Zange andiphendule wavela wahleka lo mama. Kulapho ndaqala khona ukungcikiveka, ndihlekwa ngamakhosikazi amabini alapha elalini, maxa wambi endithuka,” itshilo le nkosikazi, yatsho isithula phezulu isikhalo.

Le nkosikazi ixelele I’solezwe ukuba iphila nayo intsholongwane yesifo sikagawulayo, noxa nje oku engakuxeleli umyeni wayo.

“Ewe ndayokuzivavanya ndafumanisa ukuba ndiphila nentsholongwane kagawulayo, kodwa umyeni wam akayazi lo nto.”

Uthi wathi emva kokukruquka zizithuko zala makhosikazi, wayokumangala emapoliseni. “Amapolisa azenzile iinzame zokuthibaza la makhosikazi andithukayo kodwa akayeka, aqhuba nokundithuka,” itsho le nkosikazi.

Le nkosikazi ngenxa yokuziphendulela kwezi zithuko, ibanga ngelithi yabethwa yenye yala makhosikazi. Ikwabanga ngelithi enye kula makhosikazi idlisela ngelithi inyobe ngamawaka amahlanu eerandi (R5 000) enkundleni, ngoko ke ityala alizukuhambela ndawo.

La makhosikazi ebevelile enkundleni, kodwa imihla yokuvela kwawo yahlukene. Ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga kuza kuvela le nkosikazi ingummelwane wexhoba, ze ngomhla wesine kuvele le nkosikazi ibibethe ixhoba. Ixhoba libanga ngelithi la makhosikazi atshintshe ingxelo enkundleni, esithi athukwe yile nkosikazi imangeleyo.

“Bathetha into engekhoyo emva kokundithuka, emva koko abonqena ukundixelela ukuba banyobe inkundla. Into endiyifunayo mna bubulungisa kuba akekho umntu onelungelo lokundithuka ngempilo yam,” itshilo le nkosikazi.

Iinzame zokufumanaa uluvo kwisithethi samapolisa aseWhittlesea uNamhla Mdleleni ziphanzile ngethuba sibhala eli nqaku.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za