UKomphela ukhala ngabaqeqeshi abasasaza ityhefu

Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uSteve Komphela, ukhala ngabaqeqeshi abatyala umoya ombi ebantwini.

UKomphela uphalaze imbilini yakhe emva kokuba iChiefs ibethe iChippa United ngo’1-0 kumdlalo weTelkom Knockout obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium.

Intetha kaKomphela ilandela izigxeko eziphume kumqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, oncome i-Orlando Pirates athe idlala ibhola evulelekileyo emva kokuyibetha ngo’3-1 kwiveki ephelileyo. UPitso ukhwele ezehlela kumaqela afumba abadlali emva xa edlala. UKomphela uthe iChiefs idlala i3-3-4, abadlali abadlala emaphikweni emva ababini, bancedisa iqela xa lihlasela.

“Ndifuna ukubalumkisa oogxa bam noxa ndingenguye ungqondo-ngqondo webhola. Abanye abaqeqeshi bayalahlekisa maxa wambi, indlela abawafunda ngayo amanani wendlela esidlala ngayo ayichanekanga – lo nto ithi ithumele umyalezo ombi ebantwini.

Ndikhumbula sidlala eLoftus apho sabethwa ngo’2-1, sasisebenzisa i3-4-3. Ngoku besibetha iSundowns, sisebenzise indlela efanayo. Maninzi amaqela asebenzisa abadlali abathathu emva nasesiswini amanye asebenzisa i4-3-3 ngoba afuna ukuvala izithuba,” utshilo uKomphela.

“Amaqela asebenzisa abadlali abaninzi esiswini xa edlala. Xa uZwane engena phakathi esiswini noVilakazi bashiya uTau noBilliat phaya phambili ngelo xesha usenoKekana noMabunda – bane abobadlali. Awukwazi ukumelana nabo badlali usebenzisa abadlali ababini qha.

Yiyo lo nto sityala abadlali abathathu thina, andizami kufundisa abaqeqeshi indlela yokudlala – kodwa ndicinga ukuba yinto eselubala leyo. Andazi kutheni abantu bekholelwa yonke into ethethwa ngabaqeqeshi, ngakumbi xa ingachanekanga. Xa umqeqeshi ethetha inyaniso, iyakhatywa lo nto. Kulula ukutyala ityhefu ebantwini endaweni yokusasaza into eyakhayo ebantwini ngento eluncedo kubo,” utshilo uKomphela.Amakhosi azakudibana neBidvest Wits kumdlalo weTelkom olandelayo, yona iPolokwane City iqubisana neBloemfontein Celtic.

UKomphela usakhangela indebe yakhe yokuqala njengomqeqeshi weChiefs emva kweesizini ezimbini.