Indibano eFort Hare

Umbutho ongekho phantsi korhulumente obizwa iNelson Mandela Institute for Education and Rural Development (NMIERD) nojongene nokuphuhlisa imfundo kweli lo Mzantsi Afrika ubambisene neziko le mfundo ephakamileyo iFort Hare uzakusindleka umsitho obizwa Indibano noyinxalenye yemibhiyozo yeliziko eligqiba iminyaka elikhulu yasekwa.

Lo msitho untsuku-ne uzakube ushukuxa imiba ejamelene nabafundi kweli lo Mzantsi Afrika uphela ngelinge lokuzama ukwakha kwakhona ikamva le mfundo enoxanduva kubantwana abalikamva leli lo Mzantsi Afrika.

Le ndibano izakube izinyaswe ziinkokheli zabafundi ezisuka kumaziko emfundo ephakamileyo, kumaphondo ohlukeneyo kweli, ootitshala bamabanga asezantsi, ababhali kunye nabantu basekuhlaleni bavumelekile ukuzothatha inxaxheba kulo msitho.

UBomikazi Njoloza nojongene nemiba yolwimi nesakhono sokufunda nokubhala eNMIERD uthe; “Le ndibano ifike kanye ngexesha apho amaziko emfundo ephakamileyo evala ngelinge lokuhlisa imali yokufunda ngoko ke izakuzisa iimbono ezizakuzisa utshintsho kweli lo Mzantsi Afrika”

uAzola Dayile nongomnye wabakhokele abafundi kwiziko lemfundo ephakamileyo iNelson Mandela Metro uthe; “ Ndinemincili kakhulu ngale ndibano kwaye ndiyavuya isenzeka kuba iyadingeka emva koluqhankqalazo lo nyaka ophelileyo lwe #Fees Must Fall, kwaye ndingxamele ukudibana nabanye abafundi abasuka kwamanye amaziko ukuze sizokwabelana ngoluvo ukuze sikwazi ukusa uMzantsi Afrika phambili”.

Le ndibano izakuqala ngomhla 29 kuAgasti ukuya kumhla wesibini kuSeptemba, izakube ibanjelwe kwi yunivesithi yaseFort Hare eMonti.