#UZALO: Silindele ntoni kule nyanga?

Siqala inyanga entsha, inyanga yeThupha. Masikrwaqule le veki isiphathele ntoni kuZalo. Mvulo, 1 kweyeThupha Isiqendu 76 Akayikholelwa uJabulile eyokuba udade wabo uMaNgcobo, usebenzisene noMxolisi ukuqaba unyana wakhe ngamafutha inyama engayityanga.

Ufuna ukubikela amapolisa. UMaNgcobo noMxolisi bayajikelana. UMbali ungena endleleni. USibahle ubongoza uAyanda ukuba akhe alibale ngenkonzo ubusuku nje obunye. Lwesibini, 2 kweyeThupha Isiqendu 77 Wothukile uMaNzuza xa ebona uJabulile engena kwakhe, ebanga ngelithi uyamazi umbulali kaNkosinathi.

UAyanda ubuyele kwiindlela zakhe zakudala, ukuba nguDJ eShisanyama, kwaye abantwana bamfuna bonke. USmangele wothuswa sisityhwentywe semali esikuMastermind. Lwesithathu, 3 kweyeThupha Isiqendu 78 UMaNgcobo noMxolisi bashiywa lixesha ngakuJabulile nanjengoko ibhombo kukufutshane iqhushumbe. USmangele ude wakubona okwenzeka kuMastermind. Ungaphoswa ngo20h30, SABC 1.