IMaritzburg United iphendula ingxelo ngokufunwa kwabadlali bayo yiPirates

Richard Ofori of Maritzburg United during the Absa Premiership 2019/20 match between Maritzburg United and Kaizer Chiefs at Harry Gwala Stadium, Pietermaritzburg, on 22 December 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Njengokuba kusondela
ixesha lokusongwa kwesizini, kulindeleke abaphathi, bamaqela ngokwahlukana kwawo,
bathi saa iinzwane bakhangele abadlali abatsha. Amaqela amancinci asoloko
engamaxhoba yamakhulu asoloko esebenzisa imali njengelobo lokutsalela kuwo
abadlali. Kwiiveki ezigqithileyo, kujikeleze amahum-hum athi i-Orlando Pirates
sele ivumelene neTeam of Choice ngokuthathela kuyo abadlali abafana noRichard
Ofori noRushine De Reuck odlala emva. Akothusanga oko ngoba kubonakala ngathi
iPirates neMaritzburg ngamaqela anobuhlobo obuqinileyo kwaye kudala
ethengiselana abadlali. Kodwa usihlalo weMaritzburg, uFarook Kadodia,
uzikhanyele wema ngomlenze omnye iingxelo ngokuhamba kwabadlali bakhe.

“Siyiqela siphoxekile
kakhulu ziingxelo ezenziwe ngamajelo endaba malunga nabadlali bethu ababini,
uRichard Ofori noRushine De Reuck, ekuthiwa baya kwelinye iqela. Amabali
abhaliweyo akachanekanga kwaye akuphelelanga apho ngoba mabi futhi enza
abadlali bangakwazi ukuzinza ngokupheleleyo. Akukho nyaniso kwiingxelo ezibhaliweyo
ngabadlali bethu. Kukho iintatheli ezihlelele ukubeka abadlali bethu phantsi
koxinizelelo ngento engekhoyo. Sifuna ukuyibeka icace into yokokuba abadlali
bethu abathengisi. Ewe, bakhona abantu baphesheya kolwandle abathethileyo nathi
ngabadlali bethu babini. Umsebenzi wethu kukuqinisa iqela lethu, ngeke sikwazi
ukuphazamiseka ke,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiMaritzburg United.

Kwisizini ephelileyo,
iPirates ifumene abadlali abafana noFortune Makaringe noSiphesihle Ndlovu. Nayo
iMaritzburg ibafumene abadlali kwiPirates. Omnye wabadlali ekuthiwa bayafunwa
yiPirates lutshaba leChiefs oluyifolosi – uJudas Moseamedi. Ukufunwa kwaba
badlali bobathathu akothusi ngoba benze indima ebonakalayo kwinkqubela eyenziwe
yiTeam of Choice phantsi kuka-Eric Tinkler – ofike waqala ngokuyisindisa
ezembeni kunyaka ophelileyo.