Amagwinya.
Image: Taste of Southern Africa
Amagwinya okanye iivetkoek kokunye kokutya okuthandwayo ngabantu eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo, kukho abanye abantu abangakwaziyo ukuwenza amagwinya. Ukuba ungomnye wabo, nantsi indlela onokwenza ngayo amagwinya.
Izithako
Iikomityi ezimbini zeflawa
Ithisipuni enye yeyisti
Ithisipuni enye yetyuwa
Iithisipuni ezimbini zeswekile
Ioyile
Amanzi adikidiki
Indlela yokupheka
Xuba umgubo weflawa, iyisti, ityuwa, neswekile kwisitya. Yongeza amanzi de idibane kakuhle. Xova umxube ubuncinane imizuzu emihlanu okanye xa intlama uyibona ingathi ithambile.
Gquma intlama ngento ukuze inyuke.
Xa intlama inyukile kwaye iphindene ngobukhulu, yixove kwakhona umzuzu omnye okanye emibini. Yahlule intlama ibe ziibhola, unokwenza iibhola zibe naluphi na ubungakanani obufunayo.
Beka intlama oyenzileyo yaba ziibhola kwitreyi. Unokusasaza iflawa kule ntlama izibhola.
Phokoza ioyile epanini kwaye uyilinde ibe shushu. Qinisekisa ukuba ioyile ayikho shushu kakhulu, okanye amagwinya akho aza kutsha. Vavanya ubushushu ngokuphosa isiqwenga sentlama kwioyile.
Xa ioyile ikulungele ukuqhotsa, faka intlama yakho le oyenze yaba ziibhola epanini. Guqula amagwinya akho ukuze angatshi. Ungasebenzisa ifolokhwe ukuncula amagwinya ukuze ubone ukuba avuthiwe kakuhle na ngaphakathi. Xa sele elungile amagwinya wakho, uwakhuphe. Uwonwabele!
Ungawatya amagwinya akho nantoni na ofuna ukuyifaka ngaphakathi – ipaloni, izibindi, iitapile ezigcujiweyo (mash), iitships zetapile, ukubalula ezimbalwa inzinto onokuzifaka kumagwinya akho.