Entsimini

Abahlali baseCofimvaba banikwe amanzi neziko lokucheba iigusha

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa uNonceba Kontsiwe kunye noSodolophu woMasipala weIntsika Yethu uKhanyisa Mdleleni ngethuba benikezela ngokusesikweni iziko lokucheba iigusha eChamama Forest.

Image: ECDoA

UMphathiswa wezoLimo eMpuma Koloni uNonceba Kontsiwe unikezele ngokusesikweni iprojekthi yamanzi omthombo kunye neziko elitsha elixhotyisiweyo lokucheba iigusha kuluntu lwaseChamama Forest eCofimvaba ngoLwesithathu umhla wama20 kweyeThupha 2025 nelukhuthazo kumafama asekuhlaleni.

ISebe lezoLimo liqinisekise ukuba lityale imali engangeR521 000 kule projekthi [yamanzi omthombo], nethe yadala amathuba emisebenzi angama29 kulutsha lwasekuhlaleni olukwaqeqeshelwe ukugcina iziseko zamanzi.

Le projekthi kuthiwa iyinxalenye yeli phulo leSebe eliphumeze iiprojekthi ezilishumi zemithombo yamanzi kwizithili ezihlanu kunyakamali ka2024/25. Ezi projekthi zifakele iitephu ezingama234 kwiilali ezilishumi, zanceda amakhaya angama1891 nokudala imisebenzi engama496.

"Ukuzibophelela kweSebe ekuphuculeni impilo yoluntu lwasemaphandleni ngamanzi acocekileyo okusela kunye nemveliso yokutya kuhlala kubalulekile, kukho iiprojekthi ezintandathu eziphunyeziweyo ngoku kwizithili ezihlanu," itshilo iSebe.

UMphathiswa uNonceba Kontsiwe ekunye nosihlalo weprojekthi yamanzi omthombo yasekuhlaleni, uMzuxolile Griffiths kunye noSodolophu womasipala weIntsika Yethu uKhanyisa Mdleleni ngethuba benikezela ngokusesikweni iprojekthi yamanzi omthombo kwilali yaseChamama Forest.

Image: ECDoA

NgokukaMzuxolile Griffiths, ongusihlalo wale projekthi yamanzi omthombo yasekuhlaleni, le nkqubo iphunyezwe ngexesha elifanelekileyo. "Ubonelelo lwamanzi kummandla wethu emva kweminyaka kungekho manzi luzise intuthuzelo efunekayo koomama bethu ababehambe umgama omde kunye neendlela ezimbi besiya kukha amanzi.

"Ngoku nabantu abakhubazekileyo bayakwazi ukukha amanzi kuba iimpompo zikufuphi namakhaya abo. Sivuya kakhulu kuba iSebe lisincedile ngesi sixhobo. Asipheleli nje ekukwazini ukusebenzisa amanzi ukusela nokupheka kodwa siyakwazi ukunkcenkceshela iigadi zethu rhoqo," utshilo uGriffiths.

Kusenjalo, uWayitile Tshawuzana ongusihlalo weziko lokucheba iChamama Shearing Shed exabisa imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1.6 million), ukuchaze oku kunikezelwa [kweziko] njengokuzalwa ngokutsha kuluntu.

"Le mini ifana ngathi sizalwa ngokutsha. Amathemba ethu okuvelisa uboya obukumgangatho ophezulu avuselelwe, enkosi kwiSebe. Besisokola ukucheba iigusha zethu kodwa ngoku sivuya kakhulu ngenxa yeSebe," uthethe watsho.

UTshawuzana uthe lo mbutho onamalungu angama53 unenani elikhulu labasetyhini kwaye uvakalise uchulumanco lwakhe lokuba iziko livulwe ngenyanga yamanina.

UMphathiswa uNonceba Kontsiwe ebukele xa kuchetywa igusha ngethuba kunikezelwa iziko lokucheba elisanda kwakhiwa nelinezixhobo ezipheleleyo kwilali yaseChamama Forest, eCofimvaba.

Image: ECDoA

"Eli ziko livulwa kule nyanga yamanina kwaye iyasivuyisa into yokuba sinamakhosikazi amaninzi ayinxalenye yabaxhamli beli ziko," utshilo uTshawuzana, ngelixa ekwahlaba ikhwelo kulutsha lwasekuhlaleni ukuba luzibandakanye.

Iziko lokucheba laqala ngokucheba iigusha ezingama350, kodwa inani linyuke ngokumangalisayo laya kutsho kuma6794 ezilwanyana. Ngesizini yokucheba ka2024, umbutho uvelise iingxowa zoboya ezingama78, ezathengiswa ngokusebenzisa iBKB, neyenze ingeniso yeR179 400.

UMphathiswa uKontsiwe ubethelele ukuzinikela kweSebe ekuqinisekiseni ukuba uluntu lufumana amanzi okusela acocekileyo.

"Amanzi bubomi kwaye ndiyavuya kuba abanye abantu basekuhlaleni bewasebenzisa ukunkcenkceshela iigadi zabo," utshilo.

UMphathiswa uthe iziko elitsha lokucheba liza kwandisa inzuzo yabavelisi boboya kwaye liphucule umgangatho woboya obuveliswayo.

UKontsiwe ubongoze uluntu ukuba lukhusele ezi projekthi ukuze nezizukulwana ezizayo zixhamle.